Kubalulekile ukonga imali

Namhlanje andibhali ndiyathetha kwaye unendlebe nje unetyala. Ndithi kuwe igalelekile eyoMqungu inyanga ifike neengxaki zayo, uthanda ungathandi, ifike kanye apha emveni nje kwezi ziyolo neziyunguma zenyanga kaDisemba.

Ibhonasi ibiphumile kwabayifumanayo kwaye amasoka kumele afezekise izithembiso zawo kwizinqanda mathe zawo ngokuthi babhinqise njengoko bebethembisile. Abakulo ntombi bavuyile ngoba umkhwenyana uyalobola kwaye intombi yabo ikhulile izakubanomzi kunye nosapho lwayo ngoku.

Ngelixhesh’abantwana bafuna ukufuman’ezintsha impahla njengoko ixesha leKrisimesi lidlulile sikuxakeka ngoku sijonge kwimpahla yesikholo kwakunye nezixhobo ezisetyenziswa esikolweni ezifana neencwadi, iilidi zokubhala iipeni, iikhrayoni kwakunye nezinye ezifunwa esikolweni. Imali siyayazi ukuba iye isebenziseke kakhulu ngoDisemba. Lilona xesha linzima eli uJanuwari. UDisemba ziziyunguma, iimpahla ezintsha, ukutya okumnandi, iiswiti kanti nakwelandelayo inyanga uJanuwari ikwaseso iyasebenziseka imali yokubhatala ezikolweni, ukubhatalela abantwana ezikolweni, ukwehla usenyuka ufunela umntwana isikolo kwakunye nendawo yokuhlala ukumthengela yonke into ube umqala phantsi.

Ukuba umamele kwaye uyetyisa ngobanje ndithetha uyakuqaphela ukuba ndithi kuwe le nyanga kunye neli xhesha lonyaka kuchithwa imali ngoba zonke ezi zinto ndithethe ngazo zenziwa ngemali.

Mali leyo uninzi lwethu thina sizwe esimnyama esingenayo njengoko singarholi mirholo ingako. Ubokuyisebenzisaa le mali sele uyilungisile eyesikolo ngoba sibaluleke ukodlula yonke into.

Kaloku sizwe esimnyama ukuze siphume kule ngxingo sikuyo yendlala, yentswelo ngokolwazi nangokwezoqoqosho, ukurhuqwa kwesidima sethu edakeni kunye nokungahlonithswa imfundo sisixhobo sokuqala ekumele sixhobe ngaso.Sakusifumana esis ixhobo ngokuthi siyole sele siyibeke bucala eyemfundo imali.

Kumele sirhafe isithuthi sokuthutha abantwana abaya esikolweni.

Ukuze singantanyantanyazi sibengamaxhoba omatshonisa ngale nyanga sibokuzifundisa ukubeka imali yemfundo kuqala, emveni koko singazenza zonke ezinye izinto ke ngoku.

Ithi endim indoda, UMadiba, masibeke ikamva labantwana bethu nesizwe sethu kuqala phambi kwento yonke ekulo mhlaba.