‘Nantsi eyona mbali yamaBhele’

Ndizama ukuphendula kwi khasi (21 Disemba) elalithetha ngembali yamaBhele. Noko ela khasi loyiswa kukuza nembali yethu sisisizwe sikaLanga. Ndizame kangangoko ukushwankathela

AmaBhele asisiduko esinye esimnombo osuka kuKumkani uBhele. Imvelaphi yamaBhele iwakhomba kuhlanga lama- Khalanga (Karanga people).

Imbali ithi amaBhele asuke apho eZimbabwe, ukuza kwelinamahlathi okuzingela. Kolu hambo lude, amaBhele ayehamba nabantu bakwaZizi kunye namaHlubi.

Imbali ithi ixesha elininzi amaBhele namaZizi aqhubekeka ukuhamba. Masiyigxininise into yokuba amaBhele zange ayeke ukuba ngamaKalanga kuba asisizukulwana samaKalanga, kwaye alikho ixesha apho aye Imbali ithi kwakukho ikukumkani ekwakuthiwa ngu- Mhuhu.

Ithi imbali phantsi kwayo le Kumkani kwakhukho amaZengele, amaHlubi, amaBhele, amaKhuze, Ingxaki ngale mbali yeyokuba ezi zizwe zininzi zibalwayo zazineeKumkani zazo kwakude kudala.

Enye indida yeyokuba, imbali ithi uBhele wazalwa nguDiwu, njani ukuba aphinde azalwe nguMhuhu. Enye indida yeyokuba, ukufika kwamaBhele nooDlamini eLenge, sasingekabikho isizwe samaZulu. Kwabakho uhlaselo apho kwabulawa khona abantu abaninzi besizwe sasemaBhele, phantsi koKumkani uQunta.

Lo nto yabengela ukuba uQunta Emva kokuhamba kwexesha, emva kweemfazwe ezininzi, abasemaBheleni bazibona sebephakathi kwezizwe ezinjengangamaMpondo nabaThembu. Aba bangazange balishiye iLenge, baqhubeka ukuhlala bephethwe nguMahlaphahlapha, kanti amanye amaBhele abalekela eLesotho, namhlanje, isizwe sikaLanga, kaKhuboni, kaMafu, kaQunta phantsi kobukhosi obuquka uMaseko, kunye naphakathi kwabeSotho.

Sithi singamaBhele, iBhele linye, sohlulwe yintetho. Unyaka nonyaka sithe gqolo ukuya kumhlaba wokhokho bethu, eLenge, siyonqula.