Zihamba kakuhle izinto Kwi-United

Umqeqeshi weSuperSport United, uGordon Igesund, avala unyaka encumile emva kwenqubela eyenziwe liqela lakhe kutsha nje.

Liqale ngokugqwidiza kwimidlalo yalo ethile eli qela lasePitoli. Lo nto ibeke uxinizelelo kumqeqeshi. Amatsatsantsa A Pitori lelona qela kwi-Absa Premier Soccer League likwazileyo ukuthenga abadlali abakumgangatho ophuzulu.

Ekuqaleni bekulindeleke ukuba iSuperSport United igqugqise kule sizini ka-2015/16 emva kokutyikitya abadlali abasuka phesheya kolwandle abafana noDean Furman noBongani Khumalo.

Emva kokuba i-United ingakwazanga ukukhusela iTelkom Knockout eyayiphumelela kwisizini ephelileyo, kwabakho iingxelo ezithi, * -Igesund anganikwa uphum’aphele kweli qela. Usihlalo weSuperSport United, uKhulu Sibiya, wayibeka yacaca ekuqaleni kwesizini into ethi ufuna iindebe kule sizini, kodwa kubenzima nangona umqeqeshi wafumana abadlali abafunayo.

Kwiveki ephelileyo iSuperSport United ibethe i-University of Pretoria ngo’2-0, impumelelo eyithathe yayibeka kwindawo yesibhozo kwiPSL. “Ndivuya kakhulu. siphumelele imidlalo yethu emithathu [emibini ye-Absa PSL] asibethwanga nakomnye kwimidlalo yethu emihlanu edlulileyo,”utshilo * -Igesund.

Lo mqeqeshi owayefudula exhuzula imikhala kwiqela lesizwe, iBafana Bafana, uthe uyayazi eyona nto ibibangela ukuba basokole. “Sifumene abadlali abatsha; ingxaki ebesinayo kukuba zange sikwazi ukudibana kakuhle nabanye abadlali ngendlela ebesifuna ngayo.

Izinto ziyaphucuka kodwa ngoku. Balwela uzophula ebaleni ngoku, futhi bayasebenzisana. Kudala ndikwibhola ekhatywayo, xa izinto zingahambi kakuhle, kufuneka ungabhabhazeli,’’ utshilo umqeqeshi weSuperSport.

Kulindeleke ukuba iqela lika-Igesund livule unyaka omtsha [2016] walo neMaritzburg United ozakube usePeter Mokaba Stadium ngomhla weshumi.