UMourinho uya kwi-Man United?

Izikhulu zeqela laseNgilane, iManchester United, kuvakala ukuba bezimambe iingxoxo ekhusini noJose Mourinho, umqeqeshi owaziwayo jikelele kwihlabathi ngesakhono sakhe sokuqeqesha esisulungekileyo.

Lo kaMourinho wayanyaniswa neeRed Devils emva kokuba egxothwe yiChelsea kwiveki ephelileyo. Izinto khange ziyihambele kakuhle iChelsea kule sizini ukusukela ekuqaleni kwaye, lo nto yenye yezinto enyanzele izikhulu zayo [Chelsea] ukuba zimkhulule nangona abalandeli bayo besamfuna nangoku.

Bekusoloko kukho ukuthandabuza ngokugxotha uLouis van Gaal waseNetherland obonwa njengeyona ndoda ifanelekileyo endaweni ka-Alex Ferguson, kodwa emva kokubethwa kweManchester yiNorwich ngo’2-1 ngoMgqibelo, kubonakala ngathi bafuna ukwenza utshintsho kungekonakali kakhulu.

Emva kokupapashwa kwezi ndaba izolo emalanga, abantu abangaphaya kwezigidi ezingamashumi amathathu anesixhenxe bebesele begqogqa uGoogle, befuna ingcombolo. Kulindeleke ukuba isigqibo sithathwe ngabanikazi beManchester United kungekudala.