UMsamariya uncede uluntu ngezipho

Unxunguphalo oludalwe ngumlilo ogqugqise eZiphunzana eDuncan Village eMonti, luye lwathomalala kwiintsapho ezichaphazelekileyo emva kokuba uMsamariya olungileyo enikezele ngezipho kwezintsapho.

Izolo kunikezwe ngeepasele zokutya, iingubo zokombatha kwakunye nempahla zokunxiba kwiintsapho ezingamashumi amahlanu anesixhenxe zale lokishi.

La matyotyombe atsha emva komlilo oqale kwityotyombe elinye, waze wanwenwela kumanye ngomhla weshumi elinanye kwinyanga edlulileyo. Ezi ntsapho zithe zabonelelwa yinkokeli yemveli nekwangusomashishini, uMandla Phakamile Makinana, ebambisene nevenkile eseDuncan Village uBoxer, kwakunye nomasipala iBuffalo City nesebe lezekhaya nebeliyoku ncedisana noluntu ngokwenza izazisi zabo.

UMakinana uthi zange abubone ubuthongo, intliziyo yakhe ibuhlungu mhla wava ezindaba zokutshelwa kwaba bantu.

Olixhoba, nongomnye kwelinani othe waxhamla nguNora Petu, yena uthethe wenjenje :“Ayikasebenzi nangoku ingqondo yam ithatha ibeka sukela kwenzeka lento.

Omnye kwababini abantwana bam, uncede kukuphiwa iyunifom yasesikolweni oku kokuba ayokugqibezela ukubhala kuba nayo yatsha ngaphakathi nezinye.”

USobs Dilima ongumanejala wakwaBoxer uthi, eli lixesha lolonwabo hayi ukulila, yiyo lo nto bebone kufanelekile ukuncedisa.