Bayatyholana abatshiselwe imizi

AYATYHOLANA amaxhoba elali yaseBusila kuGatyana emva kokutshiswa kwemizi yawo ngamaxesha awohlukeneyo kule lali.

Kwiveki ephelileyo kutshiswe imizi emibini kule lali, okaNowanisi Mafenyanga kwakunye nokaNolinah Kholimila. Yomibini le mizi itshiswe ngobusuku bango Mvulo weveki ephelileyo. Olu dabi selinwenwele kumalungu osapho lakwa Ngqola oluse Kapa.

Olu sapho lithi ilali yaseBusila ibajikele emva kwengxabano ababenayo nolu lakwaMafenyanga. UMvuyisi Ngqola ongummi wale lali nosezinze eKapa udutyulwe ngumntu ongaziwayo ngomhla wamashumi amabini anesine wenyanga ephelileyo. UNgqola osagcuma ziintlungu esibhedlele emva kolo hlaselo uthe, Sele benditshisele nemoto ngeCawe ngoku ndilapha esibhedlele.”

Utata wolu sapho uTolimani Ngqola wadutyulwa wasweleka ngumntu ongaziwayo ngomhla we 29 kaJuni walo nyaka.

Umhlolokazi walo tata uNofotile Ngqola osanxibe impahla yezila uthe, “Zange kubekho nomnye umntu apha elalini oza esigcwabeni sakhe, umngxunya wengcwaba wenziwa zizihlobo kwakunye nabantu becawa.” Kwiveki ezintathu emva kokuba engcwatyiwe ubawo uTolimani kwatshiswa umzi wakhe, kwalandelwa ngowonyana wakhe uMvuyisi. UNofotile uthe: “Ndemka kule lali emva kokuhletyelwa ukuba ndizazokutshiswa bashiyeka betshisa umzi wam.”

Uqhube wathi, “Emva kokuba indoda kaNowanisi [Mafenyanga] ibulewe kwatyholwa le yam kusithiwa ibiphume ihamba nayo, emva koko kwatyholwa unyana wam uVuyisile nomnye umntwana walapha elalini kusithiwa ngabo ababuleleyo. Babesithi uVuyisile uyatola wade wabethwa ngunyana kaMafenyanga * -Asanda.”

Uqhube wathi, “Emva kokuba bembethile sababambisa bagwetywa.” U-Asanda Mafenyanga wafunyanwa enetyala lokubetha wagwetywa, ungaphandle ngengqawule. UNofotile ukwathe kugrogriswa ubhuti wakhe ogcine imfuyo yabo, “Bathi bazakumtshisa naye njengokuba egcine impahla yam,” utshilo uNofotile.

Olu sapho lithi seliyidlulisele emapoliseni ingxelo elinayo. Kwiveki ephelileyo abahlali baseBusila batyhole olu sapho lwakwa Ngqola ngelithi unyana wakhona uMvuyisi ngungqondongqondo kulemililo