Isikolo sezigidi kubantwana baseNgcacu

Ibingumbhiyozo,uvuyo nochulumanco xeshikweni kuvulwa isikolo samabanga aphantsi iNgcacu.

Esi sikolo sesinye sezikolo ezidala kwidolophu yase Ngcobo. Saqala ngo-1969 kumagumbi amabini enziwa ngezitena zodaka ngabazali.

Kulo magumbi mabini kwakufundela abafundi bamabanga amabini, abanye bacelelwe emizini ekufutshane bafundele khona.

Inqununu yesi sikolo uLoyiso Nqevu ubalisa athi ngesi sikolo: ‘’Imbali yesi sikolo ityebile, zininzi izinto ezithe zenzeka apha zilingana namanxeba embawula kodwa okubalulekile kukuba silapha namhlanje.’’

Le lali yaziwa ngokuba nabantu abangamatyathangubo kodwa abazali baba nephupha lokuba abantwana babo bafunde.

Esi sikolo sikanokutsho sinamagumbi okufundela alishumi elinesine, ithala leencwadi, igumbi lekhompyutha, igumbi lokuphekela, ucingo lomgangatho ophezulu, izindlu zangasese ezingama-28 yaye kukho nombane.

Owayesakuba ngumfundi kwesi sikolo uBongani Nkelengeshe ukhuthaze abafundi ukuba bafunde nangakumbi kuba bona banethamsanqa lokuba baza kufundela kwisikolo esikulo mgangatho. Yena wafunda ngexesha lokufundela emizini ekufutshane, kodwa lonto ayizange ibenze bangaphumeleli.

Umlawuli wesebe lezemfundo kwisithili, uKhunjuzwa Mngambi, ukhuthaze abazali ukuba baqeqeshe abantwana, “Abantwana mabayazi ukuba isikolo sokuqala ngumzali phambi kokuba ayofundiswa ngutitshala.” Ukwathi ucela abazali ukuba ngengqondo yabo yemveli bancedise ekukhuliseni nangakumbi esi sikolo yaye basebenzisane nesebe kuphuhliswe abantwana.