Iinzame zokugxotha ikati eziko

Umphathiswa wophuhliso lwamaphandle kwakunye nolimo ephondweni uMlibo Qoboshiyane uthi, ukuze kuliwe indlala egquba kweli phondo ayikho enye into ngaphandle kwentsebenziswano phakathi kwabantu ababandakanyekayo.

“Mninzi umhlaba ongasebenzanga onokuthi usetyenziswe kulinywe kuwo, nento esasilela ukuyenza ukusukela kwangonyaka ka1994, nto leyo ithe yasibeka kule meko yendlala sele sikuyo ngoku.

Kwaye ukuba sasithe saqalisa kwangoko ukuwusebenzisa lo mhlaba ngoku ngesele sibona iziphumo ezihle apho uluntu ngolunemisebenzi. Ulimo lungawadala kakhulu amathuba engqesho kwaye sijongile nje nabasetyhini singababona bephumelela xa benokuthi gqolo ukuzibandakanya nolimo,” utshilo uQoboshiyane.

Oku ukudize ngethuba umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ubambe inkomfa yezolimo yawo yaminyaka ebibanjelwe eTinarha ngoLwesibini, nalapho bekuzimase nosekela sodolphu walo masipala uBriks Ndoni.

Othethela lo masipala uMthubanzi Mniki uthi le ndibano ibijolise ekusombululeni imiceli mngeni ejongene namafama kwezolimo ezifana neemveliso, iintengo, kwakunye nezezimali, nalapho bekukwakhuthazwa nolutsha ekubeni luzibandakanye nezolimo nanjengoko emaninzi amakhondo anokuthi bawalandele.

UNdoni uthi makuqhwatyelwe izandla okaQoboshiyane nanjengoko inkulu indima ayidlalayo ekuphuhliseni eli sebe lezolimo kwiphondo le- Mpuma Koloni.

“Kwaye kufanele ukuba silukhuthaze ulutsha ekubeni ulimo lubeyingxenye yeempilo zabantwana bethu bakwazi uukubangamafama aphume izandla,” udize oko uNdoni.