UMcCaw uhlaze iSpringbok

Umlingo owenziwe yikapteni yeqela lee-All Blacks uRichie McCaw kumzuzu wokugqibela uncede ii-All Blacks ukuba ziphumelele umdlalo wovavanyo wangoMgqibelo.

INew Zealand iphumelele ngamanqaku angamashumi amabini enesixhenxe kwangamashumi amabini.

ISpringbok besiwulawula lo mdlalo ixesha elininzi, into ebebeyenzile nakumdlalo kunye ne-Australia. Kodwa khange bakwazi ukunyamezela de uphele umdlalo, kuba ize ngasemva iNew Zealand yawuphumelela umdlalo.

Iqela lee-All Blacks liye lazibonakalisa ukuba kutheni libekwa kwindawo yokuqala embhoxweni kwihlabathi, kuba bebeziphindezela rhoqo xa uMzantsi Afrika ubhalisa ebhodini. Kwaye baye bawongwa ngeFreedom Cup emva komdlalo.

Emva kwemizuzu emibini yokuqala komdlalo, iflyhalf yee-All Blacks, uLimo Sapoaga, uye waqabelisa ipenalithi ngomzuzu wesibini uqalile umdlalo. Kwaye le nto iye yanceda eli qela lasemzini ukuba lizethembe.

ISpringbok bezibonakalisa iimpawu zobugagu ekuqaleni komdlalo njengokuba bebedlala ngebhola ibala lonke, phakathi kwabadlali bangasemva nabo bahlaselayo. UBismarck du Plessis nguye oqale wakwazi ukunyonyoba wayokungqengqa okokuqala emgceni, engqengqela eli qela lalapha ekhaya.

Kuphinde kwabuya uJesse Kriel emva kokufumana abadlali bangemva beKiwies belele wankqenkqeza wafumana ifullback uWillie le Roux ukuba ayokungqengqa ekalikeni.

Kuyiwe ekhefini la maqela mabini ebambene ngamanqaku alishumi macala. Indlela ebebedlala ngokuzimisela ngayo abafana beSpringbok kwisiqingatha sesibini, ibingathi baza kuyingcwaba iNew Zealand.

Sele kushiyeke imizuzu elishumi uphele umdlalo ziphinde zavuka ii-All Blacks zawacinezela mpela amabhokobhoko. Emva kokuba bejijisene uRichie McCaw uye walihlangula iqela lakhe- uye waya kuRuan Pienaar wafika eme yedwa, amanqaku adlala ku (24-20) kukhokela iNew Zealand.

Baye bagqityezelelwa nguSopoaga ophinde waqabelisa enye ipenalithi; iSpringbok siye sabethwa ngolo hlobo. Ngumdlalo wovavanyo wesibini lo babethwe kuwo.