Iinkokheli zopolitiko zityelele abakhwetha

Iinkokheli zombutho ophikisayo iDemocratic Alliance zityelele isibhedlele esizinze eNtlaza iSt Barnabas eLibode izolo ngeliyojonga imeko yabakhwetha abangeniswe kweli ziko kweli xesha lolwaluko lwaphakathi enyakeni.

Inani labakhwetha abasele bebhubhile lime kumashumi amabini anesithandathu (26). Eli gqiza belikhokelwa nguNqaba Bhanga olilungu elijongene nolwaluko kulo mbutho ehamba noYusuf Carrim ongusihlalo wolutsha kunye neenkokheli zale ngingqi yaseMthatha kulo mbutho.

UBhanga, onokuba ngumphathiswa wesebe lemicimbi yemveli xa kungaphatha iDA, uthi ziliqela izinto abazifumene kwesi sibhedlele, ezinye ziyancumisa logama ezinye zingaxolisi. “Iinjongo zolu tyelelo kukujonga imeko yabakhwetha ngaphakathi, into esiyiqapheleyo kukoluswa kwabakhwetha ziingcibi ezingekho mthethweni, yinkathalo engekhoyo kubazali, kuyachukumisa ukubona abakhwetha abangaphantsi kweShumi nesithandathu eminyaka bengeniswe esibhedlele,” utsho uBhanga.

Sukela oko kuqale ixesha lolwaluko lwaphakathi enyakeni angaphezu kwamashumi amahlanu amakhwenkwe angeniswe kwesi sibhedlele iSt Barnabas kwaye akukabikho mkhwetha osele ebhubhile kuso kodwa bakhona abalahlekelwe bubudoda ngenxa yolwaluko olugwenxa.

UBhanga ukwathe: “Into engasixolisiyo kolu tyelelo kukuba akukho mntu osele ebanjiwe waphenduliswa ngokungeniswa kwala makhwenkwe apha esibhedlele, abazali bayoyika ukuza ngaphambili bazochaza ezi ziganeko zokubethwa kwabakhwetha emabhumeni, thina njengeDA asinangxaki nesiko eli lidala kodwa makubekhona indlela yokulilawula kwaye isiko lingakhuselwa kuphela ngabantu ekuhlaleni, ukanti nesebe lorhulumento lwasemakhaya lifedile ukusungula imigaqo yokulawula eli siko ukunqanda lo bhubhane wenzekayo.

“Ezi nkokheli ziqhwabele izandla izinto eziquka umsebenzi omhle wabongikazi, ucoceko ngaphakathi nezinye. Uninzi lwabakhwetha abalaliswe kwesi sibhedlele bangeniswe ngokoluswa gwenxa kunye nokubethwa.

Kwelakhe icala ongusihlalo wolutsha uCarrim uchaze ukungabikho kwemigaqo efanelekileyo yokunqanda ukusweleka kwabakhwetha emabhumeni, uthi abakhwetha bachanwa kukucotha kwale migaqo.

Eli gqiza lityelele ikomkhulu laseNtlaza kwaNkosi uJongusapho Boklein ngeliyosabela imeko yasemabhumeni kwaye bekulindeleke lityelele nentsapho zabakhwetha abaswelekileyo kummandla waseNyandeni.

INyandeni iswelekelwe ngabakhwetha abasibhozo sukela oko kuqale eli siko kwiiveki ezintathu ezidlulileyo. UGqirha Luvuyo Bayeni oyimanejala ejonge isiko lolwaluko kwisebe lezempilo nojikeleza emabhumeni uthi batyelele izibhedlele ezahlukeneyo eSajonisi, eFlagstaff, Lusikisiki beyojonga imeko yolwaluko.

“Imeko ayixhomisi mehlo kwizibhedlele esele ndiye kuzo, eHolly Cross kungeniswe abakhwetha abahlanu, eSt Elizabeth kungeniswe abane, eSilimela eSajonisi kungeniswe abathandathu kwelo nani ababini basuswe ubudoda ukanti abanye babethiwe,” utshilo uBayeni.