Akanconywa esiva

Ndihlala ndisithi ezinye zezinto ezingacacanga kwintlalo yethu zibuya zizicacise kwangokwazo.

Inkcubeko nobunkcubabuchopho bethu busentendelezweni, abufihlakalanga nangani kwabaninzi ezo isuka ibe zizinto ezimsonto unyikinyiki.

Zithi nokuba sele zibuzwa, zithi kuba zingabuzwa ngendlela encedisayo, zisuke zibe mfikimfiki nangakumbi ukuzicombulula.

Yintetha yobuciko yesiXhosa endala ukuthi “akanconywa esiva”, liqhalo. Kuthiwa akunconywa esiva usuke ageze onganyelwe nayimpakamo anganiboneli ntweni nina bancomi bakhe.

Kambe ke akuyonyani oku; akade anganconywa umntu esiva. Unconywa aphinde anconywe futhi, esiva, ehleli ethe ndla; angagezi ke noko, asuke akhuthazeke enze nangakumbi. Kude kwakho ukuthanda injezu kwabantu nje kukuyoliswa zezo zincomo, benconywa besiva.

Ukunganconywa komntu esiva kusingiswe kwizitunxa. Kusingiswe kubantu behlazo, abathi yonke into abayenzayo bayenzele ekurhubukeni nasekurhumrhekeni kwabo.

Kwizihiba ezithanda ukujongwa nokuba sele ziphisiwe okanye zihlanza, iinjubaqa zeentswelaboya ezingachubekanga. Iinto ezithi zakukhuzwa zibhanxa kube kuxa zibhanxa nangakumbi, zibhenq’ itshoba kuvele into ebeziyityile.

Umntu ogezayo ke uthi akuxaka uve abantu besithi “waanconywa esiva, yiyo le nto ageza kangaka.” Xa atshoyo ke umntu sukube ethetha ukuba lowo egeza olo hlobo nje kungokuba uthe ekobona buhiba bakhe buphezulu, ukumkhuza wakuthatha ngokuba kukumncoma, watsho wageza nangakumbi okomntu onconywa esenza into entle ukuba enze nangakumbi. Si! Samnandi isiXhosa madoda!

Sele nditshilo ke ukuba iingqondi ziyanconywa, zikhuthazeke zenze nangakumbi ukusebenzela isizwe. Nezigxeko zithathelwa ingqalelo ziingqondi, zitsho zibuyise unyawo zenze kuhle, ngokungafaniyo nezitunxa eziya ukukhuzwa kwazo zikwenza izincomo.

Kambe ke, izincomo ngokwemveli yamaXhosa, ziyahluzwa azisuki ziphoswe nje. Ziyahlulwa izincomo kwizincomo, ukutsho oko izincomo ezi zintlandlombini.

AmaXhosa ayakubukela usenza isiseko sendlu kanokutsho, athethe ngaphakathi kuwo athi “unentsebenzo ke kambe lo mfo”. Eso sincomo asizi kuwe kuba sukube engakayiboni ukuba ndluni na leyo nangona eyibona nje ukuba iza kuba yindlu yexabiso.

Lime idonga, nendlu izintame ukuba iza kubanjani nangona ingekaphuhli nje. Athethele ezingquleni amadoda, ezithethela odwa, angazisi sincomo kuwe kuba akakayiboni igqibelele leyo nto ayenzayo umntu lowo.

Kothi mhla yagqitywa indlu kube kumnxa kunconywayo, ubone nabantu bengena beyibuka ngokungenazintloni abanye besiza ngamacala nokuba kukuza kuzibuzisa nto ithile ukuze bafumane ithuba lokubona bancome.

Lixakwe ke ilawu elindim ukuba bendiyakha phambi kwabo nje aba bantu le ndlu bebengandiboni na le nto kukhona bandincomayo.

Ngalo mzekelo ke ndizama ukubonisa ukuba kukho izincomo ezibanjwayo angazinikwa umninizo, ayo kuzinikwa ngexesha angasilikhumbuleleyo.

Owona mzekelo ucacileyo ngulo wokuthi mhla umntu wafa, kube kukhona abantu bathetha kubebuhlungu iindimla kukrale amakrina, bencoma.

Akuze uve kuthethwa ngezinto ezimbi azenzileyo umntu akufa, kuba kukholelwa ukuba izenzo ezigwenxa zithethiswa kwazisavela, ngako oko bonke ubugwenxa bakhe umntu ubuhlawuliswa esaphila.

Kuqongqothwa izincomo ke ngoko, kukhangelwe kwabulunga engaba bukhona ngaye. Akufa umntu kugujululwa nezingaziwayo izinto ezintle azenzileyo umntu.

Ukuba ufuna ukwazi izinto ezintle awaka wazenza umntu yiya emngcwabeni wakhe, uphulaphule izithethi zidarura imbali yobulunga bomntu.

Kude kwakho neenkqubo zezikhumbuzo ezenziwa kwangaphambi komngcwabo, ezithiywe kwathiwa kukugxwala emswaneni, kusandiswa amathuba okuqongqothwa kobulunga bomntu.

Into endiyibona sele ithande ukwanda ke kukuba namaqhawe ethu siwazi mhla afa. Makabulawe na ke ukuze siwazi njengokuba kungekho maqonga okuba saziswe ngobugorha bawo?

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.