‘Mhla ndatshona kumngxunya welindle!’

Abafundi abangamakhwenkwe kunye nootitshala kwisikolo iEnoch Mamba Secondary School kwilali yeseTola eDutywa, bazikhulula ethafeni nasematyholweni njengoko isikolo sinezindlu zangasese ezimbini ezisetyenziswa ngootitshalakazi kunye namantombazanaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

UNOMSA Mqadeni unukiselwa lilindle qho xa ecinga ngesehlo esamehlela kwisikolo iEnoch Mamba Technical Institute eLota eDutywa ngo2016, apho watshona gabhu kwilindle, wema ngamabele ekhulelwe, kulandela ukudilika komgangatho wendlu yangasese ngethuba wayechophile ezikhulula.

UMqadeni (ayilogama lakhe lokwenene) usikhumbula ingathi kuyizolo isehlo esamehlela kwesi sikolo.

“Ndandisiya kwizifundo zakusasa (morning class), umhla ingoweshumi elinesithoba kuTshazimpuzi ka2016. Phambi kokuba ndiye kwigumbi lokufundela, ndaqala kwindlu yangasese esikolweni kuba ndandifuna ukuzikhulula.

“Indlu yangasese esasiyisebenzisa, yayingekho semgangathweni kodwa ngenxa yokuba sasingenayo enye, kwakunyanzeleke ukuba sisebenzise yona,” utshilo uMqadeni (21) ebalisela I’solezwe.

“Ndathi ndisahlala nje kule ndlu yangasese, ndeva ngesithonga kanti kophuka iplanga lesihlalo, ndangena dyumbu ndema ngamabele kwilindle. Ndakhwaza abantu, beza ootitshala nabanye abafana banditsala, ndade ndaphuma ndinjalo lilindle,” utshilo uMqadeni, engakwazi ukuzibamba iinyembezi.

Uthi wayesoyikisela ubomi bakhe, ekwacingela nomntwana esiswini nanjengoko wayekhulelwe.

“Ndandisoyika kuba nangeli xesha ndithe gabhu ngamabele, ndandisele ndibona ukuba ilindle likufutshane nentamo, ndandimane ndisehla kancinane ukuya ezantsi, ndikhala, ndikwacingela nomntwana wam esiswini.”

Emva kokukhutshwa kwelo lindle, uMqadeni wakhulula waze wahlanjwa ngootitshala abangamadoda.

Ngenxa yesi sehlo, uMqadeni akazange aphinde alibeke kwisikolo iEnoch Mamba kuba uthi wayesoyika ukuhlekwa ngabanye abafundi ekwacingela nesidima sakhe.

“Ndagqibela loo mini esikolweni, kuba yayisele ithe ndii into yam esikolweni. Waphela unyaka ka2016 ndingafundi. Ndibuyele esikolweni kunyaka ophelileyo kuGrade 12, ngelishwa andaphumelela.”

Ngenxa yobuzaza bemeko akuyo uMqadeni, isikolo afunda kuso eDutywa asinakusikhankanya.

UMqadeni ukhale akanqandeka ngethuba ebalisela I’solezwe ngesi sehlo.

“Into embi ngale nto kukuba ayilibaleki. Qho xa ndingena kwindlu yangasese ndivele ndicinge ngento eyandehlela phaya kwesa sikolo, ndinukelwe lilindle.”

Utitshala oyindoda waseEnoch Mamba owahlangula uMqadeni ngethuba wayetshone elindleni, uthi wagqiba iintsuku ezimbini kunzima ukuba atye.

“Umbono ombi onjeya, wokonyula umntu elindleni uphinde umyalele ukuba makakhulule, umhlambe,” utshilo lo titshala.

UMqadeni uthi uye wabhuqwa ngumvandedwa kutshanje ngethuba esiva iindaba zomntwana oneminyaka emihlanu uLumka Mkhethwa owabhubha emva kokutshona kwilindle lendlu yangasese kwisikolo iLuna Primary, eMbizana, kweyoKwindla kulo nyaka.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za