Phumla ngoxolo gorha lesizwe, iANC ikhahlela kuGiwu

IGQALA loMkhonto weSizwe uMzimasi Giwu ukholose ngeANC noluntu lwaseMzantsi Afrika de kwasekubhubheni kwakhe emva kokulahlwa lidabi lokuqubisana nomhlaza womphunga.


Oku kuthethwe yiANC yaseMpuma Koloni kulandela ukubhubha kweli gqala kwisibhedlele iLife St Dominics eMonti kutshanje.

UGiwu, ongcwatyelwa eTyutyu eBhisho ngoMgqibelo [umhla wesibini], wafulathela ilizwe loMzantsi Afrika ngo1976 esiya elubhacweni lokuzabalazela eli lizwe eAngola apho wathi wafumana uqeqesho lomkhosi.

Kwilizwe laseAngola, kulapho uGiwu wathi waba yinxalenye namaqabane angamakhulu amathathu bethwaliswe uxanduva lokugqala amacebo okuqubisana nengcinezelo eyayiqhuba eMzantsi Afrika.

Ngenxa yobuchule bakhe bokucwangcisa nokuzikisisa ukucinga, okwakuvangwe ngumrhabulo kwipolitiki, iANC yayimthatha uGiwu njengezinye zeengqondi neenkcubabuchopho zalo mbutho.

Lo mbutho ephondweni uvakalise ukuba ulahlekelwe kukubhubha kukaGiwu, watsho usithi igalelo lakhe kwidabi lomzabalazo eMzantsi Afrika asokuze ulilibale.