IGreat Kei iphantsi kolawulo lwephondo

UMASIPALA osezingxakini iGreat Kei uthathelwe amagunya olawulo ngurhulumente wephondo laseMpuma Koloni emva kokuntyumpantyumpeka kwiingxaki ezibangele ukuba abasebenzi bangafumani imivuzo yabo kwiveki ephelileyo.


Le yiveki yesine abasebenzi baseGreat Kei bezibandakanye noqhankqalazo kuba bekhalazela imeko yolawulo kulo masipala.

UMphathiswa wesebe elijongene nolawulo loomasipala kwanemicimbi yeenkosi kweli phondo uFikile Xasa, ubhengeze ngoLwesine ukuba basithabathile isigqibo sokuthatha amagunya olawulo eGreat Kei.

“Emva kwendibano ebesiyibambe sisisigqeba sikarhulumente wephondo ngoLwesithathu siye savumelana ukuba iGreat Kei masiyifake phantsi kolawulo lwephondo sisebenzisa isolotya lomthetho uSection 139 1 (b),” utshilo uXasa.

Eli solotya livumela urhulumente wephondo ukuba enze ucwangco kumasipala ngokubeka umlawuli ochongwe nguye, kuquka nokuqinisekisa ukuba ibhunga alithabathi zigqibo ezikhabanayo nemithetho ebekiweyo. 

Eli solotya likwanika urhulumente wephondo, ngokomlawuli obekiweyo, ukuba azinzise umasipala ngokwezoqoqosho.

UXasa uthe wathumela igqiza eGreat Kei ngoLwesine, esithi ufuna liphande ubume bezimali kulo masipala, ukuze lenze isindululo ngeyona ndlela ekufuneka wonyulwe ngayo ezingxakini lo masipala.

Lo masipala wohlulekile kukuhlawula imivuzo yabasebenzi kuLwesihlanu odlulileyo ngenxa yokuba awunamali ebhankini.

Ubuninzi babasebenzi kulo masipala bazibeke phantsi iintambo bekhalazela uSodolophu uLoyiso Tshetsha nesigqeba solawulo esikhokelele kububhutyubhutyu bolawulo obungunozala wokulahlekelwa yimali ekumashumi amabini anesihlanu ezigidi (R25 million) kwinkcitho yawo.

UXasa uthi kungekudala uza kutyumba umlawuli wokujongana neengxaki zaseGreat Kei.