USteve Komphela ufumene iqela elitsha!

Steve Komphela coach of Kaizer Chiefs during the Nedbank Cup Quarter Final Kaizer Chiefs Press Conference on 28 March 2018 at PSL Offices Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Emva kwesithuba
esingaphaya kweenyanga ezimbini uSteve Komphela eshiye iKaizer Chiefs, iindaba
ezingenayo zithi ufumene iqela elitsha aza kuliqeqesha. Ingxelo yeSoccer Laduma
ithi uMnumzana uMax Tshabalala uqinisekisile ukuba uSteve Komphela ngumqeqeshi
weBloemfontein Celtic oyintloko phambi kokuqala kwesizini entsha. Eli qela laseFree State belisoloko likhangela umqeqeshi
omtsha emva kokuhamba kuVeselin Jelusic – ogqibe kwelokuba alahle kwiintsuku
ezimbalwa ezidlulileyo.

“Ewe,
sivumelene noSteve Komphela. Andazi iphume njani lo nto – kodwa ke into
endinokuyithetha kukuba sivumelene. Sigqibe kwelokuba sithethe noSteve Komphela
kuba sicinga ukuba ngoyena mntu ofanelekileyo. Besifuna umntu onokufunqula
umoya wabadlali. Iyayazi ibhola yaseMzantsi Afrika kwaye ukhe waqeqesha eFree
State,” utshilo uTshabalala.

Sisivumelwano
seminyaka emithathu esitykitywe nguKomphela. Ekupheleni kwesizini, kubekho
ingxelo ethi iBlomfontein Celtic iyathengiswa. Akuka caci lo mcimbi
uyakuphelalilaphi na.