UKhuzwayo uthembisa izinto ezinkulu

Unozinti omtsha kwiOrlando Pirates, uBrilliant Khuzwayo, unethemba lokunyathela ekhondweni likaSenzo Meyiwa ongasekhoyo.

Lo kaKhuzwayo ugalele kutshanje kwinkampu yeZimnyama esuka kwiKaizer Chiefs – apho angasivuselelanga isivumelwano sakhe sengqesho ngenxa yokunqatyelwa ngamathuba okudlala.

Kwiveki ephelileyo, iPirates yamkele ngokusesikweni igquba loorhasatsha babadlali ekulindeleke benze iziqwenga abaquka uVincent Pule, uBen Motshwari, uAsavela Mbekile, uLinda Mntambo nabanye.

Nakubeni uKhuzwayo eshiye ukhuphiswano kwiChiefs – kodwa kulindeleke ukuba izinto zibe nzima ngakumbi ngoba iPirates iphethe oonozinti abadlalele iqela lesizwe bodwa.

Le ndedeba yaseMlazi kwiphondo laKwaZulu-Natal iyakuvuyela ukubuyela kwiBucs – apho yakhuliswa khona phambi kokubonwa ngamanye amaqela kwaye ingxamele ukuzibonakalisa ebaleni.

IPirates imkhulule uBrighton Mhlongo othathwe yiBidvest Wits emva kokudlalela iChippa United kwisizini edlulileyo kwaye kukhangeleka ngathi uJackson Mabokgwane angakhululwa ukuze kushiyeke uKhuzwayo, uWayne Sandilands noSiyabonga Mpontshane ekulindeleke akhuphisane noKhuzwayo ngendawo yokuqala.

“Ndiyakuvuyela ukudlalela iPirates eyayidlalelwa nguMeyiwa. Ukungena endaweni yakhe kundenza ndizive ndisikelelekile kakhulu ngoba sobabini sisuka eMlazi. Sendingxamele ebaleni nokubona ukuba ngubani osesikimini ukuze ndizokwazi ukumnikela ibhola,” utshilo uKhuzwayo kwikhasi lomnatha leBucs.

Igqala lebhola ekhatywayo, uPatson Banda, uxelele iSolezwe ukuba ngoku iBucs ifumene unozinti ozakuthi aze nozinzo.

EZimnyama zifumene indawo yesibini kwisizini ka2017/18 – kodwa akukabikho nozinti eqinisekileyo ngaye ukusukela mhla kwasweleka uSenzo Meyiwa ngo2014.

“Enyanisweni iPirates ibidinga unozinti osemgangathweni kaKhuzwayo ixesha elide. Eli lithuba lokuba uKhuzwayo azibonakalise. Ngeke kube lula ngoba kufuneka ayilwele indawo yakhe. Into endonwabisayo kukuba uKhuzwayo uza kuzisa uzinzo kwiPirates ukuba akagcinwanga ngaphandle,” utshilo uBanda.

pedro.mapelo@inl.co.za