UStick noJantjies baqhwabela izandla umqeqeshi weBoks

Isekelakapteni leSpringbok uMzwandile Stick, ethetha ngesicwangciso sabo kumdlalo wokugqibela wovavanyo neNgilane eNewlands eKapa UMFANEKISO: Phando Jikelo/African News Agency/ANA

Emva kwemidlalo emithathu edlalwe ngaMaBhokobhoko, indlela asebenzisana ngayo nabantu uRassie Erasmus inconyiwe kakhulu lisekelamqeqeshi uMzwandile Stick nomdlali uElton Jantjies kule veki.

UStick noJanties batyibele uRassie ngamazwi amnandi ngethuba bencokola neentatheli eKapa ekuqaleni kule veki.

Iqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika limanxadanxada kwinkampu eseKapa – apho lilungiselela ukuqubisana ngqo neNgilane kumdlalo wovavanyo wesithathu eNewlands Stadium ngentsimbi yesihlanu ngoMgqibelo.

Iqela likaRassie liya kumdlalo wokugqibela imitshoba iphezulu emva kokubetha iNgilane ngo’23-12 kumdlalo ogqithileyo eBloemfontein.

Ekungeneni kwakhe njengomqeqeshi weBoks, uRassie ufike neenguqu ekubonakele kuzo inani eliphezulu labadlali abamnyama okuquka ukuchongwa kukaKapteni omnyama wokuqala uSiya Kolisi.

UStick uthi iqela lichulumancile kakhulu yindlela awuphethe ngayo umba wenguqu otshis’ibunzi kumbhoxo waseMzantsi Afrika.

“Siphila kwilizwe elinomahluko. Ukubanomntu ongoyikiyo njengoRassie yinto enkulu kakhulu. Ekuqaleni kwakhe waxelela iqela ukuba kufuneka libuyele kwindlela yalo yesiqhelo, kufuneka kubekho iinguqu kwaye umyalezo wakhe wamkelwa ngabo bonke abantu,” utshilo uStick.

Njengokuba iBoks zisiya kumdlalo wempelaveki, uStick uthe kulindeleke utshintsho kwiindawo ezithile kwaye uJantjies ngomnye wabadlali emva kokuba lo mdlali weLions ephoswe ngumdlalo obuseBloemfontein.

UJantjies uthe wonke umntu usebenza ngozimisela okukhulu eqeleni.

“URassie ukhethekile. Akafani konke nabanye abaqeqeshi kwaye usiguqule iSpringbok. Wonke umntu wonwabile futhi basebenza ngokuzimisela,” utshilo uJantjies.

Yena umqeqeshi uyavuma okokuba iqela lakhe liyiphucule indlela elidlala ngayo – kodwa lisesezantsi kumgangatho weNew Zealand.

Indlela esidlala ngayo iphucukile ebaleni. Bayazithemba ngoku abadlali xa bephethe ibhola.

Andithandabuzi, abadlali baxhotyiswe ngokwaneleyo kwicala lezakhono xa behlasela – loo msebenzi waqalwa nguAllister Coetzee,” utshilo uRassie.