UNeymar noCountinho bakhulule iBrazil isengxakini

Neymar (C-R) of Brazil celebrates scoring the 2-0 lead during the FIFA World Cup 2018 group E preliminary round soccer match between Brazil and Costa Rica in St.Petersburg, Russia, 22 June 2018. By: GEORGI LICOVSKI / EPA

Amazwe amancinane
anomkhwa wokuwasokolisa amazwe amakhulu kule ndebe yehlabathi esingathwe
lilizwe laseRussia. ICroatia yothuse umzi ngethuba ivuthulula iArgentina ngo’3-0 kumdlalo obutak’iintlantsi izolo ebusuku. ICosta Rica izame ukuzeka emzekweni nayo namhlanje
– kodwa ngelishwa layo, iye yoyisakala sekuphela umdlalo. IBrazil, ebiphantsi kolunzima
uxinizelelo, ifumene amagowuli wayo kwimizuzu emihlanu yokugqibela. UPhilippe Countinho
noNeymar ngabadlali abafake amagowuli amabini (2-0) iBrazil ebethe ngawo iCosta
Rica edlale kakuhle kakhulu kumdlalo obubanjelwe eSaint-Petersburg Stadium
ngale njikalanga yanamhlanje.

  Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Kuye
kwanyanzeleka ukuba usompempe ayoyiqinisekisa kwiVAR ipenela ebeyinike uNeymar
kwisigaba sesibini. Uthe usompempe akuyibona ngokucacileyo ipenela abephise
ngayo – wasitshintsha isigqibo sakhe. Ngelo xesha abadlali beCosta Rica
ibitshayela kwanto ephambi kwayo. Injongo yayo ibicacile ukuba ifuna inqaku
elinye emdlalweni ukuze uzame ukufumana impumelelo kumdlalo wokugqibela. Nakubeni
idlale kakuhle emva nasesiswini iCosta Rica, ngcono kakhulu kunomdlalo wayo
odlulileyo – kodwa ayikwazanga ukudala amathuba acacileyo.

   Image may contain: one or more people, people playing sports and outdoor  

Kanti
kwelinye icala, uKaylor Navas, ebexakeke kakhulu kuno-Alisson weBrazil.
UCountinho ufake ibhola engabanjwanga kakuhle ngugxa wakhe uRoberto Firmino engaphakathi
ebhokisini. Umsebenzi omhle owenziwe yiCosta Rica uphasalake ngethuba iNeymar
efaka igowuli lempumelelo kumzuzu wesithandathu kweyongezelelweyo. Ngalo
ndlela, iBrazil inamanqaku amane emva kokuphumelela umdlalo wanamhlanje
nokudlala ntanganye neSwitzerland kwiveki ephelileyo.

 

Brazil: Alisson, Marcelo, Miranda, Thiago
Silva, Fagner, Neymar, Paulinho, Philippe Countinho, Casemiro, Willian, Gabriel
Jesus.

Costa Rica: Keylor Navas, Bryan Oviedo, Oscar Duarte,
Johnny Acosta, Giancarlo Gonzalez, Cristian Gamboa, Bryan Ruiz, Celso Borges,
David Guzman, Johan Venegas, Marcos Urena.