Ayaphakamisana amanina esixeko saseKapa

Ngamanina asixhenxe ekulindeleke ukuba awongwe ngokwegalelo lawo ekuphuhliseni amanye amanina kwanokwenza umohluko kumanina kummandla waseKapa eNtshona Koloni.

Le nkomfa yenziwa yinkampani iUkuanda Holdings Pty Ltd, xa iza kube ibambe inkomfa yayo entsukumbini kwibala lezemidlalo eKapa ngomhla wesithandathu ukuya kumhla wesixhenxe. Sele ingunyaka wesithathu liqhuba eli phulo lokuphakamisana kwamanina.

Ingqonyela yeUkuanda Holdings Pty Ltd, uNwabisa Lisa uthi phambi kweminyaka emibini edlulileyo, babona kukho isidingo sokuba baqaphele amanina anegalelo elikhulu ekuphuhliseni amanye amanina.

“Kunabantu abafana nooMama uWinnie Madikizela-Mandela abasebenzayo kwaye abanegalelo kodwa abajongelwa ntweni. Oku ziinzame zokuba sikhuthazane, sakhane, sibumbane kwaye loo manina enza imisebenzi emihle nengaqaphelekiyo siwaqaphele. Kukhulu okwenziwa ngumntu ongumama, sele ungumama ekhaya engasebenzi kuninzi akwenza ekhayeni ngosuku.”

“Oku ikwazizo neenzame zokususa nento yokusoloko sisonyelisana singoomama. Masikhuthazaneni kwaye sikhulisaneni singamanina sikwazi ukuqaqamba nangakumbi kwiindawo zethu,” utshilo uLisa.

ULisa uthi abo bakuthi bawongwe ngabadlala indima kumasebe awohlukeneyo afana nelezobugcisa, ezempilo, ezemfundo, kumashishini kuquka nabakuphuhliso kwiindawo zasekuhlaleni.

Ngosuku lwesibini kulindeleke ukuba kuxhotyiswe abafundi bebanga leshumi besikolo iKamvelihle esikwilokishi yakwaLanga eKapa ngezakhono abanokuthi bazilandele xa bethe baphumelela ibanga leshumi.