UMikel ugxeka abaphathi bomdlalo

Ithemba leNigeria lokugqithela kumjikelo olandelayo kwiNdebe yeHlabathi liphelele emoyeni emva kokubethwa ngomzuzu wokugqibela yiArgentina ngo’2-1 kumdlalo obubanjelwe eNizhny Novgorod ngoLwesibini ebusuku.

Amagowuli amahle afakwe nguLionel Messi noMarcus Rojo ngawo atshabalalise amathemba eNigeria nezwekazi leAfrika ngokubanzi.

UKapteni weNigeria, uJohn Obi Mikel, ubagxekile abaphathi bomdlalo (oosompempe) ngokuvimba ilizwe lakhe ipenela nokungayisebenzisi iVAR.

URojo uphose ibhola ngentloko eye yabetha esandleni – kodwa ibonisiwe kumabonakude ukuba bekungekho njongo yakuyibamba ibhola. Yiyo lo nto usompempe esikhabile isikhalazo seNigeria.

“Andazi kutheni singayinikwanga ipenela. Ibethe esandleni ibhola icacile. Simbuzile usompempe ukuba ingaba ibhola isibethile na isandla, wathi ewe,” utshilo uMikel.

INigeria ibuyela ekhaya emva kokuphumelela kanye nokubethwa kwimidlalo emibini.

ICroatia neArgentina zizo ezidlulele phambili kuGroup D.