Inkosikazi ikrwitshe yabulala udade wayo, yamkhulula ipenti nonondrokhwe

Inkosikazi yakuNombanjana kuCentane ibanjiwe ngamapolisa emva kokukrwitsha ibulale udade wayo emva koko yamkhulula impahla yangaphantsi kuba ifuna ibengathi esi sehlo siphenjelelwe ludlwengulo.

Esi sisehlo senzeke ngokuhlwa kwangeCawe, emva kokuba le nkosikazi ibhubhileyo, nekumashumi amahlanu anesithathu eminyaka (53), ibonwe ithe tya phantsi kufuphi nomzi wayo, yabe iqhiya yayo ihleli entanyeni – uphawu lokuba ibikrwitshwa.

Abahlali bakuNombanjana baxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba le nkosikazi ibhubhileyo kwakunye nodade wayo, onamashumi amane anesihlanu (45), ikhe yaxabana nodade wayo emini ngeCawe, kodwa yaphela lo ngxabano emva kokuba benqandiwe.

“Ekuhambeni kwemini le nkosikazi ibhubhileyo ibonwe ikrwitshwa ngudade wayo kodwa kwaphindwa kwanqandwa likhaya,” umhlali okufuphi kulo mzi wesi sehlo uxelele I’solezwe.

“Ngokuhlwa kwangeCawe, kuyacaca ukuba baphinde baxabana futhi kulapho amkrwitshe kanobomi wabhubha emva koko wamrhuqela phandle, wamkhulula ipenti nonondrokhwe kuba efuna ukuba kuthiwe udlwengulwe.

“Iqela labahlali lithe lakubona eli sikizi lahlaba umkhosi kukhangelwa umenzi wobubi. Eneneni ufunyenwe umenzi wobubi. Xa ebuzwa ukuba nguye na owenze oku, uthe: ‘Ndim ombuleleyo ngenxa yokungenwa ngumoya omdaka.’ Emva kwale ngxelo siye safowunela amapolisa, afika ambamba,” kutsho lo mhlali.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi umrhanelwa uza kuvela kwinkundla kamantyi yakuCentane ngoLwesibini. Igama lomrhanelwa nomfi lisakhonkxiwe de kwaziswe zonke izihlobo.