Olivier Giroud: UThierry Henry usenkampini engamfanelanga!

France's Olivier Giroud (L) and his teammates attend their training session in St.Petersburg, Russia, 09 July 2018. France will face Belgium in their FIFA World Cup 2018 semi final soccer match on 10 July. EPA/ETIENNE LAURENT

Ngo’98,
iFrance yazenzela imbali kwibhola ekhatywayo ngokugqugqisa kwanto kwindebe
yehlabathi eyayisingathwe kwayiyo. Kwiqela elathatha indebe yehlabathi kwakukho
amadoda amabini: uThierry Henry olisekela mqeqeshi leBelgium noDidier Deschamps
– ongumqeqeshi weFrance ngoku. Njengokuba iFrance neBelgium kulindeleke zilwele
indawo kumdlalo wokugqibela kwindebe yehlabathi namhlanje ebusuku – iFrace inexhala
lomqeqeshi weBelgium, uRoberto Martinez,
ozibonakalisileyo ngokubetha amazw amakhulu noHenry – olazi ukusuka nokuhlala
ilizwe lakhe. UHenry wadlalela iFrance amatyeli alikhulu namashumi amabini
anesithathu awafaka kuyo amashumi amahlanu ananye amagowuli.

“Ayiqheleki
into yokuba uThiery Henry abe kwiqela elidlala nathi ngoba iligqala lebhola
ekhatywayo eFrance. Kukhulu kakhulu awakwenzela iFrance ngethuba engumdlali
kwaye siyamhlonipha ngenxa yalo nto. Kodwa ndingatsho nakuTiti ukuba
usenkampini engafanelekanga,” itshilo ifolosi yeFrance, u-Olivier Giroud.

UHenry
wachitha phantse uxesha lakhe lonke eNgilane – apho wayedlalela khona i-Arsenal
FC. Ukungaselwa so kwakhe ngabalawuli bebhola eFrance kungumnqa – kodwa umongameli
weFFF, uNoel Le Graet, uthe baphoswa nguye ngenxa yokungabikho nxulumano naye. “Ubomi
bubanjalo ngamanye amaxesha. Uhleli eNgilane ixesha elide kakhulu kwaye
asingabantu abasondeleleneyo. Iifolosi zeBelgium ziyammamela futhi ziya
mhlonipha,” utshilo uLe Graet.

Emva kokuthatha
umhlalaphantsi akukho nto ingako ayenzileyo kwicalal lokuqeqesha. ULe Graet
ucinga ukuba uHenry uthathe isigqibo esifanelekileyo ngokuba lisekela mqeqeshi
ngenxa yeso sizathu. Kungcono ukuqala njengomcedisi kwiqela lesizwe. Akukho
mathandabuzo, unalo ikamva kwezoqeqesho,” uvale ngalo mazwi uLe Graet.

Kwindebe yehlabathi,
iBelgium lelinye lamazwe ambalwa anamagowuli aliqela. Iifolosi zayo, uRomelu
Lukaku noMichy Batshuayi – zifaka amagowuli ngokumangalisayo. Ayothusi kekambe
lo nto ngoba banoHenry owayengurhasatsha ngeentsuku zakhe zokudlala ibhola
kwi-Arsenal nakwiFrance. UHenry waqshwa ngo-2016 emva kokuqeshwa kukaRoberto Martinez. UGiroud ucinga
ukuba ubukhali beefolosi zeBegium bunefuthe likaHenry kwaye ukungabikho kwakhe
kwiFrance kuyamothusa.