URamos umkhulule ngamazwi amnandi uCristiano Ronaldo

Cristiano Ronaldo (R) of Portugal reacts during the FIFA World Cup 2018 round of 16 soccer match between Uruguay and Portugal in Sochi, Russia, 30 June 2018. By: MOHAMED MESSARA / EPA

Omnye wabadlali
abaphambili kwiReal Madrid,
uSergio Ramos, ukhulule ugxa wakhe weminyaka ngamazwi amnandi. Oku kuza emva
kokubhengezwa kweendaba ezithi iReal Madrid
ithengise uCristiano kwiJuventus yase-Italy ngemali eqikelelwa phaya kwi
€105 million. Ukuhamba kukaCristiano
Ronaldo kuyigungqisile iMadrid ebixhathise ngayo iminyaka elithoba yonke. Kukrokreleka
ukugqolodiswa kwakhe lo mdlali ngabaqokeleli berhafu kubenalo ifuthe kwisigqibo
sakhe sokuhamba eSpain.

“Kuyo yonke
le minyaka endiyichithe kwiReal Madrid,
kwisixeko saseMadrid – ndingatsho ukuba ibe yeyona imnandi ebomini bam. Ndiziva
ndiwongekile kakhulu. Ndiya libulela uthando endilifumeneyo kumntu wonke –
kodwa ndicinga ukuba lifikile ixesha lokuba ndiqale ubom obutsha. Yindlela
endiziva ngayo ngoku, ndicela wonke umntu asamkele isigqibo sam – ngakumbi abalandeli,”
utshilo uRonaldo kumyalezo wakhe wokugqibela.

Naye uKapteni
weMadrid, uSergio Ramos, ukhaphe uRonaldo ngamazwi amnandi. “Amagowuli wakho,
amanani nazo zonke izinto esiziphumelele sisonke ziya zithethela ngokwazo.
Indawo ebalulekileyo kwimbali yeMadrid uyifumene ngenxa yemisebenzi yakho.
Thina kwiMadrid, sakuhlala sikukhumbula ngoba bekumnandi ukudlala nawe,”
utshilo uRamos kuTwitter namhlanje.

UCristiano ushiya
iqela eliphambili eSpain emva komsebenzi omkhulu kakhulu awenzileyo. Phantsi kwegama
lakhe ubhalise imidlalo engamakhulu amane namashumi amathathu anesibhozo (438).
Kuloo midlalo ifake amagowuli angamakhulu amane anamashumi amahlanu (450)
njengomdlali weMadrid. Zimbini iindebe zeLaLiga aziphumeleleyo, zimbini ezeCop
del Rey, zimbini ezeSpanish Super Cup, zine ezeChampions League, zimbini
eze-Eufa Super Cup nezintathu ezeClub World Cup.