Akunakuze kulinganwe kweli lizwe!

KuLwesihlanu umhla wama-20 kule nyanga yeKhala, ndithe ndiqhuba isithuthi sakowethu esigama linguMadl`amagophe, ndisuka kuhlola ootitshala nootitshalakazi abasaqeqeshwayo, kwathi qatha engqondweni yam imeko yezi zikolo bendisiya kuhlola kuzo aba titshala nootitshalakazi bangomso.

Iveki iphele ndingena ndiphuma kwizikolo ezahluke kane ngokobume bazo kweli phondo leNtshona Kapa.

Kukho ezo zikwiilokishi ezihlala abantu abantsundu; kube kho ezo zikwiindawo ezihlala abantu bebala, kubekho ezo zikwiindawo ezihlala abantu basemzini abantetho isisiNgesi neAfrikansi, zikolo ezo zazifudula zibizwa ngokuba ziiModel C; ize ezokugqibela ibe zezo zabucala, nazo ke ezifumaneka kwiindawo ezihlala abantu basemzini abantetho isisiNgesi neAfrikansi.

Ukuba uyimamele le nkcazo iveza ubume bezi zikolo kwanendlela ezahluke ngayo ngokweendawo abahlala kuzo abantu, uye uyibone zisuka into yokuba ilizwi elivakalisa ukulingana kwabantu kweli lizwe ngamampunge nobuxoki obuphindaphindeneyo.

Eyona nto inika umdla ngokwentlalo yezwe lakowethu kukufumanisa ukuba abantwana bethu thina bantu bantsundu nabebala, ngabo abaye baphume ngobuninzi kwiindawo abahlala kuzo, besiya kufunda kwiindawo zabo bantu bathetha isiNgesi neAfrikansi, ndawo ezo zinxuse iidolophu nezibizwa ngokuba ngoosingasixeko.

Okumangalisayo nokunika umdla ngakumbi ke kukuba njengokuba abantwana bethu bantu bantsundu bethontelana ukuya kwizikolo zasemzini, apho baya kufundiswa ngalwimi zimbi ingezizo ezabo zenkobe, apho baye bafundiswe ngabantu abankcubeko yimbi ingeyiyo eyabo, bona abantwana abantetho isisiNgesi neAfrikansi akusoze ubabone besiya kufunda kwizikolo zethu ezilokishini nakuyo nayiphi indawo esihlala kuyo.

Kutheni kunjalo? Kuphi ukulingana xa indlela ekukhethwa ngayo izikolo abanokufunda kuzo abantwana bethu icalanye? Kudala ke abantu beziveza izizathu zokuthunyelwa kwabantwana kwizikolo zasemzini.

Bambi bathi ezi zikolo zinemfundo eqaqambileyo kunale ifumaneka kwizikolo zethu. Bambi bathi izikolo zasemzini zezona zinocwangco nezikwanika abantwana amathuba amahle okuqhubela phambili emfundweni nakwezinye iinkalo zobomi.

Ukuba kunjalo ngenene ke, kucacile ukuba akulinganwa kwaye akunakuze kulinganwe kweli lizwe.

Kaloku xa imfundo yomnye iphucukile kuneyomnye, oku kuthetha ukuba nakumathuba okufumana imisebenzi, lo ufumene imfundo engcono maninzi amathuba okuba afumane namathuba angcono emisebenzini.

Oku ke kuthetha ukuba lo usuka kwizikolo zasemzini, ingakumbi ezo zabucala, uya kuhlala ethe kratya kunalo usuka kwizikolo ezithathwa ngokuba azinamfundo iphucuke kuya phi. Ingaba yinyani oku bethu?

Uninzi lwabantu endiwuxoxe nabo lo mcimbi babona njalo, kodwa bakho nabo bathi maxa wambi naba bethu abantwana basuka kwizikolo zethu ezilokishini, xa bezimisela bazinikele emfundweni, baye bagqwese, kwaye bagqwese ukogqitha aba bafunde baze bafundiswa zizandla ezingeyomveli yabo, izandla ezingazi nowathwethwa ngamasiko nezithethe zabo.

Nanku ke umbuzo oye wandizinga ngakumbi: Xa sisithi uMzantsi Afrika lilizwe elikhululekileyo, ilizwe elisekwe phantsi kwemigomo yedemokhrasi nomakulinganwe, kungani na ukuba kube kusekho izikolo ezinemigangatho nezixhobo eziphuhlileyo zemfundo kunezinye?

Kungani na ukuba kubekho izikolo zabucala ezibiza inkuntyula yemali ukuze umtwana ongathathi ntweni angabi nakho ukungena kuzo?

Kwilizwe lenkululeko, ilizwe ledemokhrasi, lizwe likamakulinganwe, zifuna ntoni izikolo zabucala? Zifuna ntoni izibhedlele zabucala?

Kutheni amashishini amakhulu nemizimveliso efana nemigodi izezabantu abathile neentsapho zabo endaweni yokuba zibe zezelizwe, zilawulwe lilizwe kwaye abemi belizwe babe nebango nokuxhamla kuzo ukuze kungatyebi oozibaningeshe banquntsuze bodwa, koko sonke siphakame ngokulinganayo, sihluthe ngokulinganayo, kutsho kubuye laa ntlalo yoobawokhulu yayingambukeli umntu elamba okanye ehlupheka.

Lilonke zidwesha zakuthi, lilonke bantwana bakaNkosiyamntu, ndithi kuni, ukuba kusekho izikolo zabucala, amashishini abucala, imizimveliso yabucala, nezibhedlele zabucala, oku kuthetha ukuba abo bafumileyo ngabo abanelungelo lokungena babe nebango kwezi ndawo zabucala, ukuze wena nam sixhomekeke emivuzweni esiyikhongozeliswayo ukuze siphile, sibe asinakuze sibe nelungelo lokuxhamla kula maziko abucala.

Kungoko ke kumele sivume nokuba asikholwa, yinto engekhoyo nengenakuze ibe kho eyokulingana kwabemi boMzantsi Afrika!