Malema: Sidiniwe yiButternut

Inkokheli yeEFF uJulius Malema ithetha eDuncan Village eMonti Umfanekiso: Bheki Radebe

INKOKHELI yeEFF uJulius Malema ukhwele ezehlela kobesakuba nguMongameli weli uJacob Zuma esithi lo mbutho uza kwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba uZuma uyazibhatalela kumatyala obuqhophololo atyatyekwa wona.


UMalema ebethetha nabahlali baseDuncan Village, ngakwiPosi yale lokishi, ngenjikalanga yangoMvulo ngethuba lo mbutho ububambe umsitho wokuhlakulela usuku lwangoMgqibelo eSisa Dukashe Stadium eMdantsane apho uza kube ubhiyozela ukugqiba iminyaka emihlanu wasekwayo.


Yinkungula yamakhulu ngamakhulu wabahlali abathe babuthelana ukuza kumamela uMalema.

  

UMalema uthi le mali ichithwa ngumbuso ekuhlawuleleni amagqwetha kaZuma, bekufanele ukuba ichithwa ekuphuhliseni ubomi babo bahlelelekileyo.


“UZuma uqalile kwakhona. Bathi uZuma uqesha amagqwetha ngamatyala akhe, futhi [la magqwetha] aza kubhatalwa [ngabemmi beli]. La magqwetha kaZuma atyabula abemmi beli iR150 000 ngosuku.


“Ngoku ke ngoku iEFF ithathe lo mba yawusa enkundleni, kuba asinakubhatalela le ndoda. Le ndoda sisaphulimthetho,” utshilo uMalema.


“Le R150 000, mayize apha eDuncan Village yakhele abantu abahlelekileyo izindlu. Sidiniwe nguZuma, onentloko engathi yiButternut. Asokuze sibhatalele uZuma lonke nje ixesha.


“UZuma sele enepomakazi eNkandla, kodwa usafuna okuninzi kuthi. Mayiphele le nto,” kutsho uMalema.