UJonas Matheus uzixhaphazele uTete wathatha itayitile

Emva
kokuphumelela ngamanqaku, uJonas Matheus, yintshatsheli entsha ye-IBO
Bantamweight. Lo mfana waseNamibia ubethe uMakazole Tete waseMdantsane kumlo
obunemijikelo elishumi elinambini kwiholo ebeligcwele qhu eWalter Sisulu University
– eMthatha. UTete ubethwe nguMatheus ngayo yonke into. Indlela alwe ngayo uTete
ayincumisi kwaphela. Ebengabonakali njengomntu ozimisele ukuphumelela okanye
imbethimanqindi endala. Amanqindi wakhe ebesoloko ewagodlile; into ebegunye ngayo
kukunyamezela izithonga zikaMatheus obekhawuleza okombane eqongeni.

UMakazole
Tete noJonas Matheus (32) akukho nto bayenzileyo kumjikelo wokuqala
ngamaphandle kokufundana ngokuphekuzana ngamanqindi angenamandla. Izinto zijike
kumjikelo wesibini, indodana yaseNamibia ibonisile ukuba ayizanga zofeketha
eMzantsi Afrika. Iphengulule uTete idyongwana yakwaMatheus ngamanqindi
omeleleyo, imlahla ngapha nangapha – kwade kwabonakala ukuba akanalo iqhinga
lokuziphindezela.

Into eye
yacaca kukuba uJonas uze kuTete emazi kakuhle indlela alwa ngayo. UTete ulwe
okomntu odiniweyo phantse kuyo yonke imijekelo. Abalandeli bakhe bazamile
ukumkhuthaza – kodwa nakubeni kunjalo, indlela asebenze ngayo khange iphucuke.
UJonas uphumelele umlo ngamanqaku kuyo yonke imijikelo ngoba ebekhuthele futhi
oko emgcine ngokumxhola uTete obesoloko esokoneni. Le mbethi manqindi
yasebumelwaneni iya kukhuthazeka ngakumbi emva kokubetha imbethimanqindi
enamava neyaziwayo jikelele kwiqonga lamanqindi. UJonas uyintshatsheli emva
kokuphumelela itayitile ebingenamntu.