Uyikhusele ebunzimeni itayitile yakhe uKhonco

USimphiwe Khonco uphumelele ebetha uToto Landero wasePhillipine kumlo obuseMthatha namhlanje. Umfanekiso: Bheki Radebe

Nangona ephumelele
uSimphiwe Khonco – kodwa uphumelele evile. UKhonco uphumelele ngamanqaku emva
kweshumi elinambini lemijikelo ebetha uToto Landero welizwe lasePhillipines
kumlo obunzima kakhulu eMthatha ngorhatya namhlanje. Bekungekho ndlela ingenye,
uKhonco ebenyanzelekile ukuba aphumelele ngenxa yabalandeli baseMthatha abavume
ingoma ukusukela kumjikelo wokuqala ukuyoqhina kowokugqibela. ULandero ngumdlali
wamanqindi osebenzayo eqongeni – kodwa kuye kwacaca ukuba uudibene nomntu
onamava namhlanje.

Kutake
iintlantsi zisuka kumjikelo wokuqala phakathi kukaSimphiwe Khonco noToto Landero
obekhusela itayitile ye-IBO Mini Flyweight. NguKhonco kodwa oyiphange
ngamanqindi amahle indodana yelizwe lasePhillipines. Ekuhambeni kwexesha kuye
kwanyanzeleka ukuba uKhonco akhuphe amandla wakhe wonke ngoba uToto ebesiza
phambili engxamile futhi ephosa amanqindi avakalayo. Kumjikeloo wesihlanu, umlo
obungakacaci ukuba ungaphunyelelwa ngubani ngoba zombini iimbethimanqindi
bezisebenza ngokuzimisela futhi ziphanga amanqaku.

Kuye
kwafuneka ikona kaKhonco ingxole kuba bekucaca ukuba ize ngamandla imbethimanqindi
yasePhillipines. UKhonco ebevatha kodwa naye aphose awakhe amanqindi uToto –
obenamanqindi akhawulezayo. Ukungalwi kukaKhonco isithuba esingaphaya konyaka
bekubonakala ngamanye amaxesha ngoba ebengakwazi ukumelana namanqindi
akhawulezayo kaToto. Kumjikelo wesixhenxe ukwazile ukuhamba umhlaba othe xhaxhe
uKhonco emva kokuphanyaza uToto ngamanqindi amahle.

Umjikelo
wethuba ubunamandla. Ngowona uKhonco akwazileyo ukukhathula kwicala lamanqaku –
kodwa kukho into ebegunye ngayo uLandero: kukuphisa xa ethe waxhaphazeka. Ebengohlukanga
uToto kwiimbethi zasePhillipines ezinamandla futhi ezikhawulezayo. Noxa
bekubonakala iimpawu zokudinwa maxa wambi – kodwa ebesilwa okwembethimanqindi
eze emlweni izilungiselele. Ekugqibeleni uKhonco uyikhusele itayitile yakhe ityeli
lesithathu. Itumente yamanqindi ibiququzelelwe yiLast Born Promotions.