IDowns ziintshatsheli zeShell Helix Ultra Cup!

Sundowns celebrates lifting the 2018 Shell Helix Cup match between Kaizer Chiefs and Mamelodi Sundowns at the FNB Stadium, Johannesburg on 21 July 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Abalandeli bebhola
ekhatywayo abasondele kumashumi amahlanu amawaka bafumene umdlalo omnandi futhi
babengamangqina ngethuba iMamelodi Sundowns iphakamisa njengeentshatsheli okokuqala
indebe entsha kraca ekuthiwa yiShell Helix Ultra Cup ngenjikalanga yanamhlanje.
Amasandawana adlale ibhola entle kakhulu abethe iKaizer
Chiefs ngo’2-1 kumdlalo obuseFNB Stadium. Impumelelo yeDowns ibalulekile ngoba
iza kuhlupheza abadlali bayo phambi kwesizini entsha ekulindeleke ivulwe
ngomhla wesine kwinyanga ezayo. UJeremy Brockie utsazise igazi kuqala emva
kokufumana ibhola ebethe ipali ebikhatywe kakuhle ngu-Anthony Laffor obebapheka ebophula abadlali beChiefs kwizigaba zozibini zomdlalo. UThemba Zwane, ongene
kwisigaba sesibini somdlalo, ufake ibhola entle ngomzuzu wamashumi alithoba
emva kokunikelwa ibhola entle nguGeorge Lebese.

  Image may contain: 2 people, people playing sports, stadium and outdoor

Amakhosi
adlale ngaphandle komqeqeshi wawo omtsha, uGiovanni Solinas, osalinde iincwadi
zokusebenza kweli lizwe. UPatrick Mabedi, olibambela mqeqeshi, uqale mdlalo
ngabadlali beChiefs abaqhelekileyo ngaphandle kukaKhama Billiat noMirwa abafike kutshanje eNaturena. Kwelinye
icala uPitso Mosimane uqale umdlalo ngabadlali abalithoba bonke abangadlalanga ngethuba iqela lakhe libethwa yi-AS Togo-Port ekuqaleni kwale veki. Umdlalo wala maqela omabini ubumhle ukusukela kwisiqingatha sokuqala nakubeni
iyiChiefs eqale yafumana amathuba engakwazanga ukuwasebenzisa. UGustavo Paez akakwazanga
ukugqibezela ibhola enqumle phambi kwakhe isuka kuBilliat obeyinkathazo
kwiDowns noxa ibimgadile. UGaston Sirino ngoyena mdlali obebalasele kwisigaba
sokuqala kwiSundowns. Kodwa ngelishwa lakhe, akakwazanga ukugqobhoza kwiChiefs emva
noxa yena no-Oupa Manyisa noSiphelele Mkhulise bebedlalela emhlabeni weChiefs ubukhulu becala.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela libhalisileyo ebhodini.

  Image may contain: one or more people, people playing sports and outdoor

Kwisigaba sesibini
iDowns ibuye inamandla futhi idlala umdlalo omhle kakhulu oya phambili kunoweChiefs
ebekulindeleke yenze ngcono emva kokuphumelela iMaize Cup kwiveki ephelileyo
eMntla Ntshona. Iinguqu ezenziwe nguMosimane zibe nalo ifuthe ngoba uLebese
noZwane ngabona badlali abathe benza umahluko emdlalweni. UBrockie uza kulala
ubuthongo obehlayo namhlanje emva kokufumana igowuli lakhe lokuqala kwiDowns
ukusukela oko wafika kuyo ekuqaleni kwalo nyaka. Indlela edlale ngayo iChiefs
isafana naleya ibidlala ngayo phantsi kukaSteve Komphela. Abadlali beSundowns
basebenzise iimpazo azenziwe ngabadlali abafana noDaniel Cardoso no-Eric
Mathoho. Igowuli lokubika leChiefs lifakwe nguBernard Parker kwixesha
elongezelelweyo. USolinas unomsebenzi omkhulu wokuqinisekisa ukuba uyabalola
abadlali bakhe phambi kokuqala kwesizini entsha.

 

Kaizer Chiefs:
Khune, Mphahlele, Cardoso, Mathoho, Mirwa Katsande, Ekstein, Tshabalala,
Billiat, Castro Paez.

Amalalela: Vries, Bvuma, Petersen, Moleko, Hadebe, Ngezana, Zulu,
Mahlasela, Jayiya, Molangoane, Parker, Moon.

Mamelodi
Sundowns:
Mweene, Morena, Lakay,
Bangaly, Madisha, Mohomi, Mkhulise, Manyisa, Brockie, Sirino, Laffor.

Amalalela:
Ngobeni, Silva, Arendse, Zulu, Malajila, Otladisa, Sekotlong, Ngcongca, Lebese.