Intshinga kaMiss Culture and Tourism ingaya eNgqamakhwe

OKONA kutsale umdla kaYamkela Mpotulo ukuba angenele ukhuphiswano lukaMiss Culture & Tourism, kukufun’ ukuzibandakanya namaphulo okunceda uluntu.

UMpotulo, 21, yintwazana yaseNgqamakhwe ephakathi kwamanye aza kube esilwa ngesicoco sikaMiss Culture and Tourism.

Olu khuphiswano, lukhuthaza iintwazana ezincinane zingapheleli kubuhle kuphela, kodwa zinqwanqwadane ekuphuculeni nasekwakheni ikamva labanye, ingakumbi kwinkcubeko nokhenketho.

Encokolela I’solezwe, uYamkela uthi uyaqala ngqa ukungenela ukhuphiswano loonobuhle.

“Andinalwazi okanye amava ngezoonobuhle, kodwa ndikhe ndazama ukungenela ngaphambili, zange ndifumane mpendulo.”

UMpotulo uthi bekade ecinga ukuba ukhuphiswano lokucondoba lingezobuhle kuphela, kanti kukho okunye okungaphaya.

“Abantu abangoonobuhle esele ndibabonile bayinxenye noluntu, baguqula ubomi babantu besenza okuhle. Nam ndiqondile mandibekele ubuhle ecaleni ndigxile kule yokunceda uluntu kudala ndiyifuna,” utshilo.

Eli gqiyazana, elenza izifundo zobuNjineli kuLwakhiwo (Building Engeneering) eWalter Sisulu University, lixelele amanye amagqiyazana asenomdla wokungenela ukhuphiswano olunje ukuba ubani makakholelwe kwisiqu sakhe kwaye azazi.

“Zazi ukuba ufuna ntoni. Mayingabi ngabanye abantu abakuxelelayo ngephupha lakho,” utshilo.

Kulindeleke kuhluzwe abashiyekayo kolu khuphiswano kungekudala.

Ukhuphiswano luza kuqhuba ngomhla we27 kweyeDwarha 2018.

UMpotulo uthi abantu amabamvotele unqwenela ukuba ibe ngabantu abayaziyo inkcubeko yabo kwaye nabazimiseleyo ukufunda banzi ngayo.

Ukuze ubeke uYamkela Mpotulo kwindawo ephezulu kolu khuphiswano yiya kwiFacebook yakhe, ucofe ilink apho ukuze uvote.