Yonke into nguMandela? Siyabaxa!

Andifuni kube ngathi andiyithandi into entle okanye ndinomona xa abanye abantu bewongwa, kodwa andiqondi ndim ndedwa oyiqwalaseleyo into yokuba sesikufuphi ukuba nelizwe eli lethu lithiywe ngotata uNelson Rholihlahla Mandela.

Zininzi izinto ezithiywe ngaye uNkosi Dalibhunga, noko ngoku isuke yangathi kwanele makukhe kuthiywe nangamanye amagorha eli lizwe lakowethu, noko inkululeko yethu ayizanga ngemigudu yakhe eyedwa, baninzi abancama konke kwaye negalelo labo likhulu nakunelakhe.

Bendicinga ndim ndedwa ocinga ngolu hlobo, kwaye lo nto yandenza ndathula iminyaka emininzi.

Isimbonono sivakele xa iBhanka enguVimba yeli kulo nyaka isazisa ukuba iza kuphinda itshintshe imali eliphepha, iyifake imifanekiso ngemifanekiso kabawo uMandela ukubhiyozela iminyaka elikhulu ezelwe.

Isikhalo sokuqala sithe lo nyaka ka2018 ayingonyaka wakhe yedwa ngokuba nomama uAlbertina Sisulu naye ngegqiba iminyaka elikhulu ezelwe ukuba ebesaphila.

Wavela umbuzo usithi sisisizwe senzani ukubhiyozela igalelo likamama uSisulu? Cwaka, yangunam nawe.

Wonke umntu owakhe wayifunda la ncwadi kaRholihlahla ithi ‘Long Walk To Freedom,’ angakuxelela ukuba lo bawo wayengafuni liphakanyiswe igama lakhe ngolu hlobo.

Ude xa ebhala abenendawo ethi yayisisigqibo seenkokheli zeANC ziselubhacweni ukuba bakhethe umntu abemnye, ize ibenguye oza kusetyenziswa njengobuso bomzabalazo wabantu abamnyama, esi sigqibo sithatyathwa kuba babefuna ukunyusa izinga lenkxaso yamazwe aphesheya kumzabalazo wethu.

Lasebenza ke nyani icebo lezi nkokheli zalo mbutho, kodwa ngoku ndiyafuna ukuthi sikhona isibaxo esithile esilapha kuthi.

Ndiye ndiyamkele xa isesi sizwe simhlophe esimenza ingcwele yeengcwele uRholihlahla lo, kuba kaloku bona bayayiqonda ukuba ngenxa yomyalezo wakhe woxolelwaniso basinda ezembeni. Yiyo ke lo nto abelungu beza kumphakamisa kangaka. Thina ke sizwe esintsundu asiMandela yedwa owasikhululayo kumatyathanga engcinezelo, babebaninzi kwaye benegalelo eliphuhlileyo kunelakhe. Masithathe nje imizekelo emincinane.

Masikhe sijonge ubungakanani bendima katata uOliver Reginald Tambo. Le nzalelwane yaseNkantolo eMbizana ngoyena mongameli uhleli ixesha elide kumbutho weANC, ukuqala ngo1967 ukuya kutsho ku1991.

Lo mfo uwakhe wawuqinisa umbutho eselubhacweni, enjongo yakhe yayikukufuna inkxaso yamanye amazwe ekucudiseni urhulumente wengcinezelo, kuqhawulwe unaniselwano kwakunye nentsebenziswano naye.

Yimisebenzi yalo tata negqiza lakhe beselubhacweni eyenza ukuba urhulumente wengcinezelo agobe uphondo kwiimfuno zesizwe esimnyama. Ubawo uRholihlahla yena uze kubizwa xa la mabhulu ayeqonda ukuba adinga indoda aza kuthetha nayo khona ukuze bangatshatyalaliswa xa benikezela kwiimfuno zabantu abamnyama.

Zininzi iingqondi namagorha emfazwe athe anegalelo elikhulu ekusifikiseni apho sikhoyo ngoku, kodwa urhulumente wethu usaqhubeka ukuphakamisa igama lomntu omnye kunamanye. Bekungani na ukuba noko kusetyenziswe nemifanekiso yezinye iinkokheli kwimali yethu?

Ningandivi kakubi ke, andixabanisi kwaye andithelekisi, nto nje ndithi khange ibenye indoda esifikise apha, ngamagorha namagorhakazi aliqela.

Mawawongwe onke! Sendijonge ngamehlo abomvu ukuthiywa kwesa sikhululo seenqwelontaka eKapa ukuba siza kuthiywa ngabani na?

Masithembe asizokuthiywa ngale nzwana yaseQunu kwakhona. Asebenzile onke la magorha, mawawongwe.