‘Iindlavini zaseLusikisiki maziyeke ukuthwala!’

“Iindlavini zaseLusikisiki maziyeke ukusebenzisa isiko njengetyholo lokuzimelisa ulwaphulomthetho.” La ngamazwi wesithethi seKomishini ejongene nokuLingana ngoKwesini iCommission for Gender Equality (CGE) uJavu Baloyi.

UBaloyi ukutsho oku emveni kwengxelo ekhutshwe yiKomishini ejongene namaLungelo oLuntu eMzantsi Afrika, iSouth African Human Rights Commission (SAHRC) kutsha nje.

Le ngxelo idize ukuba iLusikisiki itshotsh’ entla ngokwenani leziganeko zokuthwalwa kwamantombazana aneminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo (18). “Ayilosiko elo, bubundlavini nolwaphulomthetho qha qwaba,” utshilo uBaloyi.

Le ngxelo idandalazisa ukuba kumawaka alishumi (10 000) eziganeko ezibikiweyo zokuthwalwa kwamantombazana kwiMpuma Koloni yonke ngonyaka wama2016, iLusikisiki inkqenkqeza phambili.

UBaloyi uthe eli nani lisenokuba kanti lingaphezulu kuneli livezwa yile ngxelo.

“Kaloku abantu bayaliquma ihlazo lokuthwalwa kweentsana. Maxawambi, ukuthwalwa kubizwa ngendlela eyahlukileyo. Konke oku kukhokelela ekubeni bangabanjwa abenzi bobubi.”

Uthe “eyona nto idandathekisa umphefumlo kukubandakanyeka kwabantu abadala neentsapho zamaxhoba kwezi zenzo.”

Kusenjalo, iSebe loBambiswano kuRhulumento neMicimbi yezeMveli, iCooperative Governance and Traditional Affairs (Cogta), ibhengeze ukuba iLusikisiki yenye yeedolophu zaseMampondweni ezifumene inani eliphezulu lokusweleka kwabakhwetha kulo nyaka kwisiqingatha sokuqala sexesha elisikelwe ulwaluko.

Kwiveki ephelileyo, I’solezwe libike ukuba balishumi elinesithathu abakhwetha abaswelekileyo kwingingqi yeOR Tambo [nequka iLusikisiki], kwaze kwahlangulwa abangamashumi amathathu eLusikisiki.

Eli Sebe lithi oku kwenzeke ngenxa yokungathotyelwa komthetho, nazizenzo zobugwenxa. Isithethi seli Sebe uMamkeli Ngam uthe abanye abakhwetha babulewe yingqele, nto leyo ingavamisanga ukwenzeka.

Ezi dolophu zaseMampondweni eziquka iLibode, Ngqeleni, Mbizana neLusikisiki zithiwe mbe yingxaki yokungathotyelwa komqathango weminyaka elishumi elinesibhozo yokwaluka kwabantwana.

Kwingxelo yeli phephandaba kwiveki ephelileyo, uSihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uMwelo Nonkonyane ungqine ukuba “Zikho iiNkosi ezichaphazeleka ngokukhupha izigunyaziso zokwaluka ezingekho mthethweni,” nathe ziza kuthathelwa amanyathelo angqingqwa.

UJavu Baloyi uvale ngelithi “Abantu mababuyel’ eMbo, bahlole eyona ndlela ilungileyo yokwenza amasiko wabo, bohlukane nokwenza ubundlavini nobundladiya egameni lesiko.