Depression: Ukudakumba ayikokukhathazeka nje kuphela

“Uzibulala njani enayo yonke into?” uthe gqi emva kokuzibulala kukaGqirha Bongani Mayosi weYunivesithi yaseKapa (UCT).

Sivuswe ngalo mphanga ngoLwesihlanu wale veki iphelileyo. UMayosi wenza imbali ngokuba yeyona njingalwazi isencinci ngokweminyaka kwaye entsundu. Wayeneminyaka engama38 xeshikweni ephehlelelwa njengenjingalwazi ngo2005.

IkwanguMayosi owafumanisa ukuba isifo sentliziyo yinto esegazini, hayi kwimpilo yomntu. Wayezibuza ukuba abantu abatshayayo nabaselayo basinda njani kwisifo sentliziyo, kodwa abaziphethe kakuhle bekwazi ukubulawa yintliziyo.

Olo phando lwantshintsha izinto ezininzi koogqirha kwilizwe jikelele. EbeyiNtloko yeCandelo lezeMpilo eUCT xeshikweni elishiya eli.

Umntu onjalo, ke ngoku uzibulala njani? Usapho luthi kule minyaka igqithileyo ebesokoliswa sisimo sokudakumba, yi “Depression” – erhoxile, elusizi kwaye ethe khunubembe.

La magama awade ayichane ncam le nto ebe kuyo uGqirha Mayosi. Kubani nobani xa usiva umntu esithi une “depression” kuye kuthiwe “hay’ suka! hambo kwenza le na le” okanye kucetyiswe nje izinto ezinokuthi zimvuyise loo mntu.

Kanti ayihambi njalo, iDepression okanye ukudakumba bubume bengqondo ekunzima kakhulu ukuphuma kubo.

Ayikokutyhafa nokuziva uphantsi kuphela, kodwa yinto ephelisa intsingiselo yobomi, uzive ungazazi nokuba uphilela ntoni, kube nzima nokwenza izigqibo ezilula, ungafuni ukubaphakathi kwabantu.

Ayonto inokupheliswa ngemali okanye ngezoyolo. Yinto ethatha ixesha nefuna lowo uphantsi kwayo azicenge mihla nezolo de abe uyaphuma kwelo lifu limnyama lengqondo. Asinawo ke amagama ezi zinto kwiilwimi zethu zesiNtu. Kuyafuneka sizifundise ngezi zinto.

Nabantwana abancinci bayazibulala kwezi ntsuku. Kubalulekile ukuba sizisondeze kubantu bethu, sibaxhase, simane sibakhuthaza.

Impilo yengqondo yinto enzima kakhulu ngoba zonke izenzo zale nto ingumntu zixhomekeke ekuvumeni kwengqondo.