Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndicela ukulawulelwa eli phupha lilandelayo: Ekuqalekeni kukaMay kulo nyaka, ndiye ndayokukwakha ilitye lesikhumbuzo likamama wam ongasekhoyo kuba ndacaphukela into yokuba ndathi ndigodukile ndifuna ukuya engcwabeni lakhe, kwanzima nokuba ndilibone, ngenxa yokuba kwenile egadini. Ndiye ndacwangcisela ukuba ndakwenza umsebenzi wokulityhila apha kuAugust, mhla nenyanga engqamana nokusweleka kwakhe kwiminyaka elithoba eyadlulayo. Ngoku ndisoloko, ndiphupha ingathi yile mini yetheko, ngoku xa siya kulityhila ilitye engcwabeni lakhe, ingathi ilitye elo, lonakalisekile, laze lamosheka kakubi. Eli phupha lide landiphindaphinda kabini, okwesibini, ndade ndakhuza ndisephupheni ukuba ndiyakwazi ukuphupha kuba bendiphuphe kwale nto inye kuqala, phofu ndithetha loo mazwi ndisesephupheni. Andazi ithetha ntoni le nto.

IMPENDULO: Camagu mntomdala, ingxaki yethu singabantu kukuqala ngezinto zokugqibela siyeke ekumele sizenza kuqala. Kuqala isiko kubuye kugqibele amabhongo. Phambi kokuba nenze ilitye kufanele ukuba umfikazi nimzilele nampha iinkobe ngokwesiko lenu. Chosi!

IPHUPHA: Ndiyazibulisela kuMphilisi. Bendikhe ndaphupha ndingumntu ongathi unento ngaphakathi ethethayo kodwa ithetha ngohlobo elingaqhelekanga, ndizibone sendibhabha ndiphuma ngeroof, ingaba elo phupha lithetha ukuthini? Ndiphindile ndaphupha ingathi ndinamakhosi kodwa ndabe ndinxibe izinto ezimhlophe ndiguqile phantsi. Ndicela inkcazelo yala maphupho.

IMPENDULO: Kuyabonakala ukuba kukho into onayo oyiphathisiweyo nokuba kuluhlobo luni. Inye ke kuphela indlela yokwazi ukuba kwenzekani ngawe kuxa uyosabela emntwini.

IPHUPHA: Camagu. Ndicela undicacisele, ndiphupha ndihamba nomntu endingamaziyo kodwa ngutata. Siyahamba sibe sigqitha kozwelidala basekhaya, xa sisabuka indawo kuvela amanzi eza oku kwamaza olwandle, acwengile kodwa ukuhamba kwam kuwo akunzimanga kuba ndihamba ngaphezu kwawo de ndayophumela. Kwiveki elandelayo libuye kodwa ndihamba edamini nomntu ongutata, andimazi, licwengile ndiphethe umntwana wam ononyaka, ndiyazama ba angabimanzi de siphumele engekho manzi. Qho xa ndiphumela kula manzi lotata andiphumeli naye.

IMPENDULO: Camagu, kuyacaca ukuba kunesihlwele esisecaleni kwakho esifuna wena usinike ingqwalasela nokuba kungobizo okanye isiko ekumele ulenze. Khumbula ke ukuba ukungayenzi lento kungazisa ingqumbo enkulu enokuchaphazela inzala yakho. Chosi!

IPHUPHA: Ndinephupha, endifuna ulazi ukuba lithetha ukuthini ngoba kudala ndamane ndiliphupha. Sube kutheni xa uphupha iinkunzi zenkomo zisilwa de kucace ukuba zingade zikunyathele eli hlobo zilwa ngalo, kodwa zingade kuba ndizimele, awupheli unyaka ndingaliphuphanga eli phupha.

IMPENDULO: Camagu, lubangiswano kwizihlwele. Oku kusenokubangelwa yimeko yokukhula kwakho, ngoko ke kufuneka ilungisiwe ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Camagu. Ndinamaphupha amane ukundihlupha. Okokuqala ndabona oomama ababini phezu komlambo behleli phezu kwamanzi betshaya iinqawe zabo. Yathi kanti ngumama katata nokamama ondizalayo. Ndikwangumntu amaxesha amaninzi ndithethe izinto ibe ngathi bendizixelelwe, zenzeke. Ndidibene nabantu abamhlophe, ndibeve sele besithi ndilinyanga nini ikhaya lam kwaye ubutyebi basekhaya buleli kum. Ngaba zithetha ukuthini ezo nto okanye loo maphupho. Chosi!

IMPENDULO: Iphupha lakho licace gcaa kwaye ukuze kube khona isiqabu kwimeko yakho kuza kufuneka wamkele le nto uyiphathisiweyo ngabantu bakowenu. Chosi!

IPHUPHA: Ndiyabhotisa, ndicela ukuhlalutyelwa amaphupha, ndinephupha elisoloko lithetha. Ndandibizwa ngumama wam ongasekhoyo, xa ndisiya kule ndawo ame kuyo kuvele ileopard ibaleka, ndema ngelam ndandifuna igqithe, kwaye ke ndandiyoyika . Wathi umama kum mandime ndingoyiki, yeza kum ngqo yafika yazinxiba apha kum, hayike indlela le andandisoyika ngayo ndandikhala. Ukugqiba kwayo ukuzinxiba apha kum, ndashiyeka ndimangalisiwe kwaye ndisoyika ukubanala mabala ayo. Kodwa ndafumanisa ukuba andinamabala, ndothuka ndingadanga ndayofika kumama.

IMPENDULO: Camagu. Ukuba bendinguwe bendiyakumenzela into enkulu umama wam. Uzukhe wenze utywala besintu kuba izinyanya zakho zingecala lakho kwaye akukho mntu uyakugungqisa.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndihleli nabantu ababini abangootata, omnye mdala lixhego, omnye lixhegwana elincinci.

IMPENDULO: Camagu. Yiba nomonde ulinde kuba iphupha lakho lisaqhubeka.

IPHUPHA: Camagu, ukuphupha umngcwabo nokuphupha ufakwa iringi ngumntu wakho.

IMPENDULO: Ngelinye ixesha uyakwazi ukuphupha into enjalo. Kuba umsesane wona nomtshato uchaza ukufa.

IPHUPHA: Ndiphupha endandihambisana naye ongasekhoyo, ngathi uyakhala uthi uyaqaqanjelwa kuba wafumana ingozi, naye ke kweli phupha ubhityile, ndicela uyazi limalunga nantoni eli phupha.

IMPENDULO: Camagu. Xa umntu ebethe wahamba ngengozi kubuye kwenziwe umcimbi likhaya ukutshikilela ingozi leyo. Xa ingananzwanga lo nto iye iqale ingxaki. Umfi ke lowo uza kuvela nakuwe xa engahoywa ekhayeni lakhe.

IPHUPHA: UBhuti wam uphuphe ndiqhuba imoto yam ilungisiwe ekudala siyilungisa, suke iphinde ioverheate emva kwenyanga ilungisiwe, ndide ndayibeka egaraji ngoku kukoyiswa yimali ephelela kuyo. Ndicela inkcazelo. Enkosi!

IMPENDULO: Ingaba sele uthenga imoto nje nawe uzigqibile na eza kowenu? Ewe imoto sisidingo ngamanye amaxesha yiyo lo nto xa unamatyala akowenu phambi kokuyithenga kufuneka ucele imvume kumawenu.

IPHUPHA: Ndiphuphe umakazi wam owatshonayo ngo2000. Bendiqala ukuphupha ngaye. Ndiphuphe endombathisa ngengubo efana neyakhe eluhlaza okwesibhakabhaka. Ephupheni kusemini kukho nabanye abantu kodwa ndim oncokola naye futhi ndim ndedwa ombonayo. Enkosi!

IMPENDULO: Khawumenzele ke into uMakazi ukuze azokuvuza ngengubo leyo yamathamsanqa. Chosi.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za