Iqhula uTD Jokes ucebisa ngoshishino

UThembinkosi TD Jokes Dike ethetha kumsitho weSMME Opportunity Roadshow eIDZ eMontiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Unyaka ngu2018 kodwa ishishini lakho alikho kuTwitter, Facebook nakuLinkedIn! Kutheni?

Lo ngumbuzo kaThembinkosi Dike, okwaziwa njengoTD Jokes, ngethuba ethetha kwisiza sezoshishino saseMonti (IDZ) kwiveki ephelileyo, apho oosomashishini abasakhasayo bebefuthelana ngezimvo zokukhulisa amashishini abo, kwanokwenza ngcono indlela yokwenza izinto.

UDike uthi oosomashishini abasakhasayo balithatha kancinane ifuthe lamaqonga onxibelelwano afana noFacebook noTwitter.

“Onke amashishini akooTwitter, Facebook nakuLinkedIn. Yeyona ndlela yokufikelela eluntwini,” utshilo uDike, esithi izinto ezifana nokufaka imifanekiso yemisitho yeshishini lakho zezona zinto zokugqamisa ubuwena kumaqonga onxibelelwano.

Kodwa uDike ulumkise oosomashishini esithi mabazikhethe ezona zinto bazifaka kumaqonga onxibelelwano.

“UFacebook wakho menze ukuba abantu bangakwazi ukufaka nokuba yintoni. Maxa wambi nizonwabele ebusuku, nanko umntu efaka imifanekiso yakhe kuFacebook eqhoboshela wena. Xa ubuzonwabele nabahlobo bakho, lo nto ayithethi ukuba imifanekiso yakho kufuneka ifakwe kuFacebook,” utshilo uDike.

UDike uthi akukho nto yenzekayo kwishishini de kube kanti ulithengisile futhi uligqamisile.

“Kwishishini yiba ngula mntu wohlukileyo, ungafani nabanye abantu. Lo nto uyithengisayo, mayohluke kwezinye.”

sithandiwe.velaphi@inl.co.za