Isankxwe seenkosi ngoMotlanthe nangoMhlaba

Iinkosi mazibe nesidima esifana nesomzali ebantwaneni bakhe. Zazinjalo iiNkosi zamandulo. Zaye zizintloko nesidima sezizwe esihlanganiswe mntwini omnye.

IiNkosi azingabo abapolitiki. Ngooyise noonina besizwe. Inkosi iyathethelwa, ayixhaphi magwebu ezingxoxweni zabantu abangengomakhosi.

Ayifuneki tu into yokuba inkosi igxuphuleke ngomlomo wayo kwiintetho ngentetho zabapolitiki. Ewe, inkosi mayizihoye, izazi kakuhle zonke izinto ezidla abantu.

Kodwa endekweni naseqongeni labapolitiki mayingangeni, kuba ngokwenza oko ingazibona sele ithetha okanye isenza into engazokuthoba nje esayo isidima kodwa nesabantu bayo, ibone sekubhekiswa kuyo ngokungathi kuthethwa nomntu nje.

Ndiyazi ke ukuba xa isidima senkosi siza kuba seso sifanele abapolitiki, abantwana begazi nabantu benkosi baza kukhathazeka kukungaxabiseki kwenkosi yabo.

Ndicebisa ukuba iinkosi mazithethelwe zizithethi nabapolitiki bakomkhulu njengoko kwakunjalo ntlandlolo. Ndakha ndayibona inkosi engenasidima kwaphela, eyaye iyintlekisa nakubakhweli booduladula.

Loo nkosi yayingumbono okhathazayo kubathandi besizwe. Ndakha ndayibona ikumkani enesidima, enesithozela nesihomo. Ikumkani eyaye isazi ukuba le nto iyikumkani ihleka njani. Ikumkani eyaye iphum’izandla ekwazini ubukhosi nobupolitiki.

Inkosi eyayibazi abantu bayo ukuba ngabayo nokuba ngabeyiphina imvaba yokholo okanye yopolitiko. Inkosi eyayisenyiselela bonke abantu bayo kwimibele ebhonxileyo.

Ndithetha ngenabulele yohlanga, uJonguhlanga osewalala, ukumkani wabaThembu, uSabatha Dalindyebo. Ngexesha lale kumkani, eBumbane, komkhulu, abaThembu babezenzela imithetho nemimiselo ukuze izigqibo zabo zibengumthetho wabantu ngokuphuma emlonyeni wale kumkani. Inkundla yaseBumbane yayifana nqwa naleya ka Zanzolo, uKumkani uHintsa xa siyiboniswa nguS.E.K. Mqhayi kwincwadi, Ityala Lamawele.

Ulawulo lwakhe lwaye lufana ngqo noluya luboniswa nguGqr A.C Jordan xa esibonisa iindlela zokukhokela kwenkosi enamava yamaMpondomise ecebisa inkosana entsha ebukhosini engxamele ukuphucula abantu bayo ngendlela eyayifana nekaManzolwandle, uKumkani uBotha Sigcau nooDaliwonga, uKumkani uKaizer Matanzima babunganelanga kuGqirha MDC de Wet Nel.

UDe Wet Nel wayefuna uJonguhlanga yena wayeyintandane kuMzantsi Afrika uphela, nasemakhwenkwaneni asezilokishini zeli lizwe.

Ubesithi uJonguhlanga nokuba sele bizelwe ePitoli okanye eKapa ngurhulumente, amxelele uDe Wet Nel into enye rhoqo, eyokuba yena uyiKumkani yabaThembu eyenza kuphela into egqitywe nefunwa ngabaThembu.

Amxelele kananjalo uDe Wet Nel ukuba yonke le nto ayithetha kuye makahambe ayokuyithetha kubaThembu enkundleni eBumbane.

Lo nto ke yayisenza ukuba zibe bomvu iindlebe ezinkulu zikaDe Wet Nel ngenxa yomsindo, abe yena umyeni kaNoMoscow noNocanada ezolile eyazi into ecaphukisa uDe Wet Nel ukuba kukoyika ukumelana neenyaniso aza kuzixelelwa ngamaxhwangusha namafanankosi akwaNgubengcuka iinto zoJoyi, ooThwalimfene nezooMajija, ooHamington nooLouis. Ndibala ntoni na?

Mayicace ngokwekati ehlungwini into yokuba ezinkosini kukho ezo zisalawula ngokwemfundiso yamakoloniyali, eza xelelwa ukuba akhonto maziyixelelwe ngabantu nento yokuba umsebenzi wazo kukuxelela abantu into amabayenze.

IiNkosi azifani kwaye zingasoze zifane. Zikho ezaziyo ukuba zizinkosi ngenxa yabantu, zizizicaka zabanini belizwe njengezo zangamaxesha angaphambili kobukoloniyali ezifuze ooZanzolo, ooMoshoeshoe, ooMaqoma nooMatiwane ababesithi xa bebhekisa ebandla bawuvule umlomo ngokuthi “Zinkosi zam”.

Yintoni ebanga ukuba kuthi kwakuchazwa inyaniso yokungafani kweenkosi ekuphatheni abantu zisuke iinkosi ngobuninzi zenze intswahla yengxolo yobupolitiki endaweni yokumbuza uMnumzana Motlanthe ukuba uyithetha into ayithethayo nazizathu zithini na. Bubuphi na ubungqina bakhe?

Asoze uKD Mathanzima afaniswe noSabata Dalindyebo ngumntu onenyani. Asoze uBotha Sigcau afaniswe noVictor Poto Ndamase okanye uDouglas D Ndamase.

Asoze ufanise uCyprian Bhekuzulu noMangosuthu Buthelezi. Asoze ufanise uLucas Mangope noTidimane Pilane. Nokuba wayengesiso isikhohlakali na uKumkani Zwelidumile Sigcawu, angekhe afaniswe nentandane yabantu “Imbishimbishi, Indishindishi, Ingqingqishi,” uKumkani uVelile Sandile.

UKumkani uVelile Sandile yena ubekhe amleqe ngomnqayi wakhe umantyi wakwaNdabazabantu uPayiga (Mr Pike) netoliki yakhe uMalcolm Sebe komkhulu eTsholomnqa, esithi ukhusela umhlaba kaSandile.

Phakathi kwamaphakathi akhe kwakukho amadoda afunde ayityekeza anjengo Prof ZK Mathews nootitshala Sipho Burns-Ncamashe namadoda asezidolophini anjengoo-Inkosi Inkie Hoyi nooPakiso Morolong ekwaligosa eliphambili enkonzweni yaseTopiya.

Ziinkosi zakuthi ibani nezithethi eziqeqeshiweyo, zipolitikele ulawulo lwenu nabapolitiki besizwe kungenjalo isidima sobukhosi bamaAfrika sakuphela tu ekubeni sele saphungulwa kakhulu ngamakoloniyali ase-Europe.

Okokugqibela, iinkosi mazikhumbule ukuba ngoku sikwidemokhrasi, urhulumente wabantu owenziwe ngabantu esebenzela abantu.

Ukuba iinkosi zethu zifuna ubukhosi bazo buhlale buxabisekile njengobuya bamaNgesi kufuneka zenze njengoko enzayo amaNgesi ekugqibeleni, amkela ukuba intando yabantu abamnyama ibeyiyo yodwa elawulayo. Phaya eBhilitane nokuba kungalawula amaKomanisi ngenye imini, soze abe nako ukubuphelisa ubukhosi baseBhilitane. Eli ilizwe liyiRepublic ngenxa yokuthanda kwabantu balo.

Lo nto ke ithetha ukuba onke amandla olawulo akubantu abalawulwayo qha. Eli asililo ilizwe elonganyelwe yikumkani enye encediswa ziinkosi ezibusa iKumkani leyo njengaseBhilitane eLesotho okanye eSwazini.

Ngoko ke, eli lizwe njengeBotswana ukwahluka kwiSwaziland neLesotho aliyiyo imonarchy. Apha akunakubakho uKumkani omnye omandla akuye.

Umntu ngamnye apha ubopheleleke ekuhlonipheni nasekuthobeleni iofisi yesizwe ebizwa ngokuba siState. Lo nto ke yenzeke ngokunyanzelwa sisimo selizwe kwiinkalo zonke zentlalo.

Edabini lenkululeko le siyixhamlayo namhlanje zazikho iinkosi.