Mkolo : Sixhelekile emphefumlweni

Umongameli weBorder Rugby, uPhumlani Mkolo, uthi baxhelekile emphefumlweni.

UMkolo ukuthethe oku emva kokubhubha kwabadlali abathathu abe beyinxalenye yoBorder nomanejala weBorder Bulldogs – uTyron Roberts.

Amagama wabaswelekileyo nguMwandile Yalezo, Onke Gqadushe noRoberts. Bonke basweleke engozini yemoto endleleni esuka eQonce – apho abe bedlala khona umbhoxo ngoMgqibelo ogqithileyo.

“Sixhelekile kakhulu emphefumlweni ngoba la madoda ebezinikele embhoxweni,” utshilo uMkolo.

Umongameli uthethe wenjenje ngoRoberts:

“UTyron ebengengomsebenzi nje kwiBorder Rugby, ebengumntu obewuthanda kakhulu umbhoxo. Ebethanda ukuhlala ahlalutye umbhoxo. Ngamanye amaxesha ebekhe anditsalele umnxeba andixelele ukuba akakholelwa kwiqela elibhengeziweyo phambi kweminye imidlalo,” utshilo uMkolo.

UManejala wezoPhuhliso kwiSebe lezeMidlalo neNkcubeko ephondweni uMnu. Bafundi Makhubalo, uthi bavile ngesehlo kwaye bayavelana nezalamane zamaxhoba.

“Sisivile isehlo kwaye sibuhlungu, siyavelana nezihlobo. Siyathetha neBorder Rugby neSwallows ngalo mba,” utshilo uMakhubalo.

OkaMakhubalo uthi kuyakhubekisa kakhulu ukuphulukana namagatyana asaze ngobuso ezweni.

“Kubuhlungu ukulahlekelwa ngabadlali abasebatsha ngoba balikamva lezemidlalo kweli,” utshilo uMakhubalo.