IBhayi lithwaxwa kukushokoxeka kwamanzi

Umfanekiso oselugcinweni lweIndependent Media

UMASIPALA waseNelson Mandela Bay ukwimeko embi yokushokoxelwa ngamanzi emva kokuba iSebe lezaManzi libhengeze ukuba lo masipala unamanzi ashiyeke kangangomlinganiselo we-18.5 yeepesenti.


Le ngxelo yeSebe lezaManzi iza kanye xa umasipala waseNelson Mandela Bay ebongoza uluntu ukuba lusebenzise ngononophelo amanzi, kungenjalo ayakuphela athi kroqo.


ISebe lezaManzi lithi unobangela wokushokoxeka kwamanzi eNelson Mandela Bay kungenxa yemvula yasebusika engakhange ine ngendlela eqhelekileyo. Isebe likwathe uMasipala iSarah Baartman, emelene neNelson Mandela Bay, naye ukwingxaki embi yokushokoxelwa ngamanzi.


ISarah Baartman yindawo apho kuqhutywa ushishino lezoLimo kwaye le mbalela iqhwalelisa olu hlobo loshishino, litshilo iSebe.

Isithethi sezaManzi uSputnik Ratau, ukhuthaza uluntu ukuba lusebenzise ngononophelo amanzi, watsho esithi ukuvuza nokumoshwa kwemibhobho yamanzi makubikwe kwinombolo engu 0800 200 200.