Kutshiswe igumbi lesikolo eLibode!

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula umemelele inzolo emva kokutshiswa kwesikolo iChief Henry Boklein Senior Secondary ngokuhlwa kwangoLwesithathu.


Onke amaxwebhu eNqununu yesi sikolo, kuquka nakaSekela Nqununu atshe aluthuthu kulo mlilo. Kwankqu neofisi yootitshala (staff room) ayikhange isinde kulo mlilo.

UMakupula, othi bakholelwa ukuba yinto yangabom le, uthi bathembele kumapolisa kuphando ngoyena nobangela walo mlilo.

“Silisebe, sixakekile siqinesikisa ukuba ukufunda nokufundisa akuphazamiseki ngenxa yesi sehlo. Ndimemelela inzolo ukuze sinike ithuba amapolisa ukuba enze umsebenzi wawo,” utshilo uMakupula.