Igqiyazana lasePitoli lenze isisa kwabahlelelekileyo

Umsebenzi weIsolezwe lesiXhosa uSithiwe Wolani enxibisa izihlangu omnye wabahlali bekhaya iNtuthuzelo Home Based Care eScenery Park Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Igqiyazana lasePitoli uBathabile Masilela ozenzela igama kwishishini lefashoni kwilizwe laseChina, uthi ukunceda abantu abahlelelekileyo yinto ekudala eyilangazelela.

UMasilela, 29, ukuthethe oku ngethuba encokolela I’solezwe lesiXhosa emva kokunikeza ngeempahla zakhe zokunxiba kweli phephandaba ukuze likhangele ikhaya elijongene nabahlelelekileyo.

UMasilela waya kwilizwe laseChina kwiminyaka emihlanu edlulileyo eyokusebenza njengotitshalakazi ehlohla isiNgesi.

Uthi kuye kwakhula uthando loshishino emva kokuqaphela ukuba uyayithanda ifashoni.

“Emva kwexesha xa sele ndigqibe le minyaka kufanele ndiyayigqiba ukuze ndifumane isiqinisekiso esifumaneka phambi kokuba umntu wangaphandle eChina abengusomashishini, ndiza kuwuyeka umsebenzi wam wobutitshala ndibe ngusomashishini ogqibeleleyo,” utshilo uMasilela.

Eli gqiyazana lineshishini elibizwa ngokuba yiBathabile Boutique kuFacebook nalapho ukwaziyo ukufaka iodolo yakho kulo nto yokunxiba uyinqwenelayo.

Uthi wayithanda esemncinci ifashoni. Impahla zakhe uthi uyazithumela nakumazwe afana noBotswana naseLesotho kwakunye naseMzantsi Afrika. Uthi kuyamvuyisa ukuba kanti impahla zakhe zifunyenwe ngabantu ebebezidinga ngokwenene.

“Ukutshintsha impilo zabantu nokubeka uncumo ebusweni kuko okundonwabisayo.”

UNonkululeko Maneli (66) wekhaya eligcina abantwana abangenabazali abanye bagulelwa ngabazali, nabangakhathalelekanga eZiphunzana eMonti, uvuye kakhulu esithi eso sinikayo sesona sisikelelekileyo. “Yinyhweba enkulu le ebantwaneni bam ndiyabulela.”

Kweli khaya bebonke bangamashumi amabini anesihlanu kumagumbi amane kuphela.

I’solezwe liphume latyelela ikhaya labantu abadala eNtuthuzelo Home Based Care ekwinkonzo yaseBaptist eScenery Park, apho lifike laphisa ngezihlangu ezishushu zeBathabile Botique kumaxhegwazana. Oomakhulu nabo babonakale bevuya bencumile. UMfundisi uM.J Stofile ubulelele abantu abadala.