ISenqu ngumzekelo omhle, logama uMnquma ulihlazo

UMphicothi ziNcwadi waseMpuma Koloni uSithembele Pieters

UMPHICOTHI ziNcwadi waseMpuma Koloni uSithembele Pieters, uwuqhwabele izandla uMasipala iSenqu ngolawulo lwawo oluhamba ngqo nemithetho, kodwa waveza inkxalabo ngobubhutyubhutyu bolawulo eMnquma.


UPieters ebethetha kwiOfisi yoMphicothi ziNcwadi (Auditor-General) yaseMpuma Koloni eVincent, eMonti ngoLwesithathu, apho le Ofisi ibibhengeza khona ngokusesikweni iziphumo zophicothozincwadi koomasipala baseMpuma Koloni abangamashumi amathathu anesithoba kuquka namaqumrhu oomasipala alishumi.


Kwabamasipala, kuphicotho lonyakamali ka2016/17, yiSenqu kwaneNgquza Hill kuphela ezithe zafumana iincwadi ezicocekileyo (clean audit).


UPieters uthi iSenqu, eyenziwa yidolophu yaseSterkspruit, Lady Grey naseBarkley East, ngumzekelo womasipala olandela imithetho. ISenqu ithe gqolo ukufumana iziphumo ezincumisayo kuphicotho lwezincwadi.


“ESenqu kukho uzinzo kwaye kuqeshwe abantu abagqibeleleyo nabanezakhono zokwenza umsebenzi. Kwakhona, iSenqu inemiqathango yangaphakathi elandelwa ngabasebenzi bonke, nto leyo yenza kube lula ukwenza umsebenzi ngokulandela imithetho,” utshilo uPieters.


UPieters ukwachaze umasipala waseMnquma njengomnnye woomasipala abane kweli phondo abaneencwadi ezimbi kwezezimali. Lo masipala ufumene iziphumo zeencwadi (disclaimer) ezikhombisa ubutitisholo bolawulo.


“Ukungahoywa kwezilumkiso zethu sikubone phaya eMnquma emva kokuwohloka kolawulo obelukhatshwa kukungalandelwa kwemithetho, ukungazinzi kwanoqhankqalazo (lwabasebenzi),” utshilo uPieters.


UPieters ubalule ukusilela ekulawuleni imingcipheko, ukunqongophala kwezixhobo zobuchwepheshe kwanokusilela kozinzo njengezinye zezinto ezibangela ukuqhwalela koomasipala baseMpuma Koloni.


Xa siqwalasela kooMasipala abaMbaxa eMpuma Koloni, iNelson Mandela Bay ifumene iincwadi ezingancumisiyo (qualified with findings) logama iBuffalo City ifumene iincwadi ezibuncumisa (unqualified).