UTinkler ngumqeqeshi omtsha weChippa United

Eric Tinkler, Coach of Super Sport United during the Absa Premiership 2017/18 game between Golden Arrows and Supersport United at Princess Magogo Stadium, KwaZulu-Natal on 14 January 2018 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Emva
kwemidlalo emithathu, iChippa United seyenze inguqu kwiqela eliqeqeshayo. UDan
Malesela unikwe uphum’aphele liqela likaMnu. Siviwe “Chippa” Mpengesi
ngoLwesibini ebusuku. Iinguqu ziza emva kokuba iChippa United ifumene inqaku
elinye kwimidlalo emithathu kule sizini. Kudliwano-ndlebe alenze kwinkqubo
kaRobert Marawa kwisikhululo seSABC phambi kokugxothwa kwakhe – uDan Malesela
uthe zikhona iimpawu azibonayo noxa kungekho nto ebhekiswa kuye. Ngokwenene
ukugxothwa kwake uMalesela kungqiniwe nguLukhanyo Mzinzi, umphathi weChippa
United. UMalesela ebetyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka – kodwa
ngelishwa lakhe sikhawuleze saqhawulwa.

“Isigqeba
seChippa United sibambe intlanganiso. Injongo kukujonga indlela esiqhube ngayo
nezinto esizifunayo. Sineminyaka emihlanu ngoku singathotyiselwa kwiPSL. Lo nto
yenza abantu balindele lukhulu kwelii qela. Sigqibe kwelokuba simkhulule
umqeqeshi, indawo yakhe iza kuthathwa ngu-Eric Tinkler,” utshilo uMzizi.

UMalesela
ugxizwe ngezembe entanyeni nakubeni ebeqeshwe yiChippa United emva kokuphela kwisizini ka-2017/18.
Nakubeni iChippa iphulukene nemidlalo emibini kwemithathu – kodwa kuyabonakala
ukuba abaphathi abafunanga kumnika ithuba elide.