Izikolo zizipili zobume belizwe

Kukho iingxoxo ezishushu ezibandakanya ubume beeYunivesithi neeKholeji zakweli ezijamelene nabafundi abazizidlwengu kunye nokuphathwa gadala kwabantu basetyhini ngokubanzi kuzo.

Phaya kwiYunivesithi yaseFort Hare sibukele imiboniso yomfana ekhaba isinqandamathe sakhe esifubeni, esityabeka ngezithuko.

Kwaphinda kwathi gqi enye ingxelo yokuba kukho umfundi odlwenguliweyo kwaphaya eFort Hare.

Naphaya eRhini, kwiYunivesithi iRhodes konakele; abafundi bade bapapasha amagama ezidlwengu okanye abantu ababatyhola ngobudlwengu.

Naku ukwenzeka. Kuzo zonke ezi ziganeko, ezenzeka phantse kuzo zonke izikolo zakweli, kuye kujongwe kwinqununu nabaphathi belo ziko. Sithi mabathini?

Baye bazigxothe izidlwengu, kuphinde kuthi gqi esinye. Naxa kukho uqhankqalazo kuye kophulwe, de kutshiswe izakhiwo nezixhobo zelo ziko lemfundo.

Xa kubanjwa abo benzi bobundlobongela siphinde sikhalaze. Sithi mabathini kanye kanye abaphathi bamaziko emfundo ephakamileyo nezikolo ngokubanzi?

Akukho nto ingako banokuyenza ngokuziphatha kwabafundi, ngokuba mfundi ngamnye usuka phaya phandle kwilizwe elonakele mpela. Izinto eziqhubeka ezikolweni zizinto ezihleli ziqhubeka naphaya phandle kumakwabo; ezilokishini, ezilalini nakwiidolophu.

Sinengxaki yezidlwengu nokuphathwa gadalala kwamanina nabantwana kuMzantsi Afrika jikelele, ngoko ke ngeke umsindo lo wethu siwubhekise kurhulumente namagosa omthetho. Kufuneka kuqiniswe isandla kulo mba.

Ukuba kufuneka abenzi bobu bubi bohlwaywe kanobom makubenjalo. Luyafuneka nophando olubanzi lokuba kutheni sonakele ngolu hlobo kweli loMzantsi Afrika?

Kutheni abantwana bebulala abazali? Kutheni amadoda edlwengula amaxhegokazi neentsana? Kutheni sitshisa izinto ezilulutho kuthi xa siqhankqalaza?

Phambi kokuba sithi izikolo zineengxaki, ngekhe siqale ngokulungisa ekuhlaleni kuqala. Ukuze sithumele abantu, hayi iindlavini ezikolweni.