UMicho uthi kudala eqeqesha – kodwa zange ayibone into enje

Milutin Sredojevic , coach of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2017/18 Orlando Pirates training session at Rand Stadium, Johannesburg South Africa on 26 February 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMilutin “Micho” Sredojevic,
ulumkisa abalandeli beqela lakhe ngokubeka uxinezelelo kubadlali okubangena
bangadlali kakuhle ebaleni. UMicho ukuthethe oku ngethuba ephendula imibuzo
emva kokuba ifolosi yeZimnyama, uThamsanqa “Gandaganda” Gabuza, onikwe
uphum’aphele ngekhadi elibomvu emdlalweni we-Absa Premier Soccer League – iPirates
ibethe kuwo iBlack Leopards ngo’2-1 obusePeter Mokaba Stadium, ngoLwesibini edlulileyo.
UGabuza, ongacacelekanga kubalandeli bePirates, ubhiyoze ngokukhulula isikipha
agqibele ngokusiphosa kubalandeli emva kokuba ibhola yakhe ibethe kumdlali
weLeopards yangena emnatheni. Igowuli lingene emva emva kokuhewulwa
kangabalandeli beqela lakhe. Usompempe wamnika ikhadi elibomvu emva kokufumana
amabini atyheli, elikukhulula isikipha nophuma ebaleni ngaphandle kwemvume
yakhe.

Umqeqeshi weBucs akafunanga ukuthetha kakhulu ngesiganeko
esenziwe ngumdlali wakhe ebaleni kuba esithi yinto engaphaya kwamandla wabo
bengabaqeqeshi. “Okokuqala, siyabahlonipha abalandeli bethu ngoba siphilela
bona futhi iqela lelabo. Sibahlonipha sinjalo, ndifuna ukubaxelela ukuba
kunzima kule ndawo sikuyo thina ngoba kumqeqeshi nomdlali kulindelwe izinto
ezinkulu. Nathi singabantu. Inkxaso nje encinci ingayinto entle kakhulu.
Kufanele bayazi abalandeli into ethi xa becinezela iqela okanye abadlali
abathile – bayakhonkxeka. Lo nto yenza benze iimpazamo, ukungakwazi ukusebenzisa
amathuba nokungcangcazela okukhokelela ekungadlalini kwethu ngendlela
efanelekileyo,” utshilo uMicho.

“Siyakholwa ukuba abalandeli banganomonde balixhase iqela,
singaqhuba ngcono kakhulu. Eminyakeni engamashumi amabini anesihlanu
ndingumqeqeshi; zange ndiyibone into enje. Kodwa ebomini akufuneki ukuthi soze
yenzeke into ethile ngoba yonke into inesiqalo. Kwenzekile okwenzekileyo kodwa
ngeke siyenze nkulu lo nto ingafanelekanga. Sisifundile isifundo, kufuneka
sizame ukujonga indlela engcono kwilixa elizayo,” uvale ngalo mazwi uMicho.