Ubeka phantsi uVetyeka ngenxa yengozi!

Ubeka phantsi emanqindini uSimphiwe Vetyeka. Le ndedeba, eyaqala ukubetha amanqindi ngonyaka ka2002, ithi ingozi yemoto eyayonzakalisa kakhulu emilenzeni iyinyanzele ukuba ithathe eso sigqibo.

“Ayisosigqibo esilula esi; ingozi eyandehlelayo ibenalo igalelo. Amanqindi bubom bam. Yonke into endinayo ndiyifumene emanqindini,” utshilo uVetyeka.

OkaVetyeka ubulele kakhulu usapho lwakhe nabalandeli bamanqindi ngokubanzi ngokuyixhasa imilo yakhe.

“Ndiyababulela kakhulu abantu abandixhasileyo xeshikweni ndiyimbethi manqindi. Ndibulela nosapho lwam ngokundixhasa,” utshilo.

UVetyeka, 37, uphumelele imilo engamashumi amathathu. Wabethwa kwimilo emine kuphela, kwimilo engamashumi amathathu anesine ayilwileyo.

Ngonyaka ka2013 wenza imbali ngokuba yimbethi manqindi yokuqala ephumelele intshinga yeWBA eMonti, emva kokubetha uChris John wase-Indonesia – owayengekoyiswa nakanye phambi komlo wabo.

Kumlo wakhe wokugqibela wangqengqisa uThomson Mokwana kumjikelo wesibhozo, ephumelela intshinga yeWBO Africa kudidi lweLightweight.

Ezinye iintshinga aziphumeleleyo ziquka i-IBO, iWBA International, iWBC International neyoMzantsi Afrika ayikhusele izihlandlo eziliqela.

Kwezinye iindaba: Imbethimanqindi yaseMdantsane, uLusanda Komanisi, ibhengeze kwikhasi layo likaFacebook ukuba ayisafuni kuphinda iqhubele phambili nokubetha amanqindi emva kokungqengqiswa kakubi nguMichael Mokoena kumjikelo wesine eRhawutini kwimpelaveki ephelileyo.

UKomanisi, 29, unemilo engamashumi amabini anesithandathu phantsi kwegama lakhe.

Uphumelele imilo engamashumi amabini ananye; ungqengqise amadoda ngophotho izihlandlo ezilishumi elinesibhozo. Yena ubethwe kwimilo nje emihlanu kuphela.

Le ndedeba yaphumelela intshinga yoMzantsi Afrika neye-IBO kudidi loSiba.