ANCYL: Sifuna kugxothwe uWitbooi noAmanda

ULuvo John, ongusihlalo weANC Youth League kwingingqi iDr WB Rubusana

IKHABA lolutsha lweANC kwingingqi iDr WB Rubusana ligqibe kwelokuba abathunywa balo ababini, uXolani Witbooi noAmanda Mnyute, kumasipala iBuffalo City, mabagxothwe kwizikhundla zabo.


Oku kuvele ngethuba iANC Youth League kule ngingqi ibibambe inkomfa noonondaba kwiiofisi zeANC kwisitalato iOxford, eMonti ngoLwesine. 


Le nkomfa iza kanye emva kwenkomfa yeANC kule ngingqi, neyonyule uPhumlani Mkolo njengosihlalo, ebetha uXola Pakati onguSodolophu wesixeko.


Ngaphandle nje kokuphozisa amaseko, usihlalo weANCYL kwingingqi iDr WB Rubusana, uLuvo John, uthi bagqibe kwelokuba bakhutshwe kwizikhundla zabo uWitbooi noMnyute.


UWitbooi yintloko yezopolitiko kwicandelo leenkqubo ezikhethekileyo (Special Programmes Unit) eBCM, logama uMnyute eyintloko yezopolitiko kwicandelo lokhuseleko loluntu.


“Ziinyanga zintlanu sizama ukuthetha nala maqabane, kodwa ngaphandle kwempumelelo. Into abasiphendula ngayo yindlela engenasimilo. Yiyo le nto sithi izitulo mazibuye maqabane,” utshilo uJohn.


UJohn ukwathe bafuna kungene “iimbuso ezintsha” kurhulumente okhokelwa yiANC eBCM.


 “IBuffalo City imdaka, nokuba useQonce okanye eMonti, kumdaka nje. Oku ke kufuna isikhokelo esinombono. Neendlela ezenziwayo azide zigqitywe into ethetha ukuba kukho ukusilela kulawulo,” kutsho uJohn.