Irhwaphiliza izinto zabahlali iNkosi

Utyholwa ngokuthathela kuye oogandaganda, oomatshini bokuthunga nezinye izixhobo zabahlali ezisuka kurhulumente uNkosi Ngubesizwe Bacela waseXhorha.

Ingxelo yabahlali ithi sele kuyiminyaka engamashumi amabini ezi zixhobo zathunyelwayo ngurhulumente ukuba zincede abahlali belali zaseKwenxurha ukuba baziphilise.

UFeziwe Bacela oyinkokheli yabahlali baseKwenxurha uthi abantu bayayoyika le Nkosi kuba igweba ngokungenalusini nabani oveza amanyundululu wayo.

“Ezi zinto sizifunayo zezethu zafikela phaya komkhulu ngonyaka ka1999, ziquka amatanki, oogondanganda, oomatshini bokuthunga, oomatshini bokwenza izitena neengubo ebezisuka kuNkosi uZwelivelile Mandela,” uthethe watsho uBacela.

Ngenxa yokuyoyika le Nkosi, abahlali bagqibe iminyaka engamashumi amabini beceba ukuyibuza ngezi zixhobo zokusebenza.

“INkosi ilawula yodwa, ithathe izigqibo eziphilisa abantu kabuhlungu, isebenza nomntu ongusibonda welali.

Omnye wabahlali uSikholiwe Maqukanya umemelela ukuba urhulumente angenelele ukusombulula le ngxaki.

“Besimcelile umhlekazi ukuba eze entlanganisweni yabahlali eze kusiphendula ngale ngxaki, kodwa usixelele ukuba akanakuza kubamba indibano esigangeni,” utsho uMaqukanya.

Abahlali bathi oku kungabangela ukuba kuqhutywe uqhankqalazo olunokungalawuleki ngabahlali.

ULunga Nopati uthi abahlali abavani ngenxa yale Nkosi eduba impilo yesizwe sayo.

“Uyasithelekisa ngokuthi anikise ngesiza komnye, aze aphinde kwayena athathe eso siza asinike omnye umntu, abantu abavani ngenxa yakhe, abantu badliwa imidliwo yeenkomo xa bethe abavana naye ngokuthile, sicela uncedo,” utshilo uNopati.

Le Nkosi ityholwa ukuba ithathele kuyo izixhobo ebekumele ukuba zithengiselwe abahlali emva kokuvalwa kweziko ebelisenza umbane kule ndawo.

“Wathathela kuye zonke izixhobo ezazishiyeke emva kokuba kugqitywe ukufakwa kombane apha, kwakumele ukuba ezo zinto zithengiselwe wonke umntu ofuna ukuthenga,” utshilo uNopati.

Ukanti uNkosi uNgubesizwe Bacela akafumanekanga ukuphendula kwezi zityholo, kodwa usibonda welali yakhe ohlala kwigqiza lakhe uZwelichumile Bacela unolwazi ngezi zityholo.

“Zikhona ezi zinto zixelwa ngabahlali, zafikela apha komkhulu kuba ngumsebenzi wekomkhulu ukwamkela izinto ezize esizweni, ngoobani bona aba bakhalaza kuni ngale nto, baphazamisa iinkqubo zokuphuhla kwabantu,” watsho uXasa.