UZoliswa unethemba lendebe kwiPirates kule sizini

Zoliswa Galo

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomlandeli omkhulu weOrlando Pirates. Kolu dliwanondlebe uZoliswa Galo usixelela ngendlela yakhe njengomlandeli nezinto anethemba lokuba zakuzuzwa liqela lakhe elinethuba elide linqatyelwe ziindebe.

Nondwe Tyilo: Leliphi iqela olilandelayo kwiPSL kwaye uqale nini ukulilandela?

Zoliswa Galo: Iqela endililandelayo yiOrlando Pirates. Ndiqale ukuyilandela ngoku sendikumabanga aphezulu esikolweni.

NT: Ngubani umdlali omthandayo, iyintoni ebangela umthande?

ZG: NguVincent Pule. Into ebangela ndimthande kukuba uthobekile, akabaleki kodwa iibhola zakhe ziyabaleka kwaye ufike wabalasela kwindlela edlalwa ngayo ibhola kwiPirates.

NT: Ingaba yintoni oyinqwenelela iqela lakho kule sizini?

ZG: Ndinqwenela badlale ibhola efanayo, umdlalo ude uyokuphela ngoba kwimidlalo emibini edlulileyo khange badlale ngokuzinikela.

NT: Ngokolwakho uluvo, unalo ithemba lokuba ningafumana noba inye indebe?

ZG: Ewe, ndinalo ithemba ngoba bayadlala. Zizinto ezincinci apha naphaya ezifuna ukulungiswa kwaye ndinethemba kumqeqeshi uMicho uza kuzilungisa.

NT: Yintoni oyinqwenelayo kumqeqeshi?

ZG: Kukuba umqeqeshi akwazi ukudibanisa abadlali bakhe ngokwendlela abadlala ngayo.

NT: Ukuba ubungumqeqeshi, ngabaphi abadlali ubunokubachonga?

ZG: UMpontshane, Shitolo, Jele, Maela, Thopolo, Mintambo, Mlambodihno, Nyatama, Pule, Shonga, Mulenga.