IMPENDULO: Amazwi anyhasha nasengela phantsi amaGcina

LE yimpendulo kumazwi anyhasha nasengela phantsi isizwe samaGcina kwiphepha le I’solezwe (13 eyoMsintsi 2018), ngokubhalwe nguSiyabulela Mqikela kudliwanondlebe noWesizwe Mpangela.

Avakale njengamazwi wabantu abangazingciyo ngesizwe samaGcina kwaye abangenalwazi luphangaleleyo ngesizwe samaGcina nobukhosi baso, kuba ukuba bebezingca ngesizwe samaGcina ngebethe udliwanondlebe malwenziwe kwikomiti eququzelela imbali nelifa lesizwe samaGcina kuba bona bengabendlu bakholisa iincuku zabo, bekokose imivuzo yokuqeshwa ngobubonda. Bekhonza iziqu eziba ubukhosi nomhlaba wamaGcina.

Kwaye ububonda ayibobukhosi, bukhethwa yilali. Sisithunywa sabantu belali komkhulu. Apha sihlanganisa isizwe samaGcina kwizindlu zonke kwaye xana sinokuthetha phecelezi sityhila ingubo ngezindlu nobukhulu bazo, umqolo ungaphandle kwakule ndlu ichitha umanyano lwamaGcina.

Ubukhosi abulwelwa nguTyhopho kuphela, zikho nezinye iinkosi ezingaphambili kuTyhopho. Yena ngowamva kwaye siyazingca ngoTyhopho sonke singamaGcina kuba nguye owokugqibela ngexesha lokuphulukana nomhlaba wethu nobukhosi bezindlu zonke zamaGcina.

Ubukhosi asizange sibunikwe nguKumkani uNgubengcuka, balwelwa kwangaphambili ngooKumkani bamabutho emfazwe, ndibala uBatsa, oMtyhalela, uGuwata, uQwesha, uMlanjeni, uTyhopho, uStokwe, Ndlela, uMadzikane, uMyeki, uLaho kunye nabanye endingabakhankanyanga.

Isizwe samaGcina sakhiwe zezi zindlu:

1. AmaGcina – kwizindlu zonke zolishumi elinambini

2. AmaYirha – zonke izindlu zawo

3. AmaMpondomise

Sinegugu nelifa lesizwe sonke samaGcina. Asikhumbuli bukhosi besiqu esinye sityhila imbali yesizwe ngokubanzi ngokufundisa ulutsha lwesizwe ngokubanzi malunga nobukhosi besizwe nokuba bazazi ukuba bangobani.

Injongo kukuba imbali yesizwe samaGcina nobukhosi yaziwe kwihlabathi jikelele kwaye kucace elubala ukuba esi sizwe sisacinezelwe ngokobukhosi nomhlaba waso owalwelwayo kwiimfazwe zabamhlophe kwaye ubukhosi siqaphela ukuba bunikwa abantu abangazange balwelwe mhlaba.

Zonke izizwe zisondelene, zifuna ilungelo lazo. Sesitheni esi sakwaGcina le nto kufuneka sibuse kwizizwe ezingalwelanga mhlaba?

– Isizwe SamaGcina National Heritage