Unyana uhlabe wabulala uyise kumcimbi

Emva kokuba unyana kwakunye noyise bebonwe bencokola kwikhayakhulu labo kwilali yaseShixini, eXonyeni, kuGatyana kubonwe ngabo sele berhuthulelana iimela behlabana.

Oku kwenzeke kubusuku bempelaveki esisuka kuyo eShixini. Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jacskon Manatha uthi unyana onamashumi amathathu anesixhenxe ebencokola noyise onamashumi amathandathu anesixhenxe nalapho baye baxabana; yangulo wakhupha imela, baqalisa ukuhlabana.

Utata uhlatywe kanobom ngunyana ze wabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.

Amapolisa akuGatyana aye asabela kwangoko emva kokuba ebiziwe kweli khaya apho baye babamba unyana. UManatha uthi oyena nobangela wokuxabana kwesi sibini awukacaci.

Umrhanelwa uvelile ngoMvulo kwinkundla kuGatyane malunga netyala ajongene nalo lokubulala.

Kusenjalo, amapolisa abambe indoda enamashumi amathathu anesibini ubudala emva kokuba ihlabe yabulala enye indoda enamashumi amathathu anesithoba. Oku kwenzeke emini kwilali yakuLubhongo kuGatyana. Ixhoba elibhubhileyo, belihamba nowasetyhini ongachazwanga iminyaka yakhe ngethuba ehlaselwa yile ndoda. UKapteni Manatha uthi, akukacaci ukuba usisi lo ebehamba nexhoba ebethandana nexhoba okanye ethandana nomrhanelwa kusini na. Abahlali bakuva isikhalo bahlabe ikhwelo beleqa umrhanelwa nabamfumene ngaphakathi ehlathini. Umrhanelwa unikezelwe kumapolisa ngabahlali.

Inkumanda yakwisikhululo samapolisa eGcuwa, uBrigadiya Ngangema Xakavu, uthulele umnqwazi umsebenzi owenziwe ngabahlali wokuncedisana namapolisa nangokungathatheli umthetho ezandleni zabo.