Imizi efikelelekayo eBhayi

Iiflethi ezintsha zeImizi Housing eFairview Umfanekiso: Mpumelelo Matwa.

Akungeni thathatha kungafunwa nooyabulayo phakathi kwamasango eeflethi zakwa-Imizi Housing.

U-Imizi Housing wakha izindlu ezifikelelekayo nezikumgangatho ophezulu ukuhlalisa uluntu lomasipala waseNelson Mandela.

Kumsitho wokusungula ilinge lesine lolwakhiwo lweeflethi zikanokutsho nobebanjelwe kwiziko lezemidlalo elibizwa ngokuba yiFairview Sports Centre, uTony Lloyd ngoLwesihlanu ongumaqhuzu kwi-Imizi uthe uImizi ngoyena uhlonitshwa lilizwe lonke nalisebe lelizwe lohlaliso loluntu njengomanqanqa ophum’izandla kumbandela wolwakhiwo lwezindlu. Uthe abapheleli nje ekwakhiweni kwezi flethi kungeniswe abantu koko baqinisekisa ukuba abahlala apho bakhathalelekile.

“Iiyadi zethu zikhuselekile kuba sinoonogada abalinde esangweni nocingo olude ukunqanda ooyabulani nezigilamkhuba, akungeni nje nabanina simgximfizisa ubhontsi sikhangela ukuba ngowalapha kusini na,” utshilo.

Uhambise wathi ngaphakathi kukho iindawo zokudlalela abantwana, ezokubagcina, kwaneekliniki noonontlalontle, esithi abantu bavumelekile ukuba baziqalele amashishinyana ngaphakathi.

ULloyd uthe sele bakhe uthotho lweeflethi eFairview, Walmer Links naseWillowdene, watsho esithi intlawulo yerenti iyafikeleleka kusapho olwamkela ngaphantsi komvuzo oyiR15 000.00.

“Asifikanga sigalelekile eTinarha naseCoega ngo2019, eTolofiyeni siza kwakha isitrato eside edolophini yakhona ze eCoega sakhe malunga namakhulu amathandathu anesithathu izindlu ezintsha,” uqhayise watsho.

UClive Felix olelinye lamagosa abo aphezulu uthe kubathathe ishumi lonke leminyaka ukufikelela apho bakhoyo bengu-Imizi.